UNozibele Nyalambisa, Gqirha Nandipha Ndudane, Mawande Jama noLuleka Mbethe. Umfanekiso: Uthunyelwe
Urhulumente weMpuma Koloni ulimisele ngokusemthethweni ixesha lokuqala kwenkqubo yokulima umbona eNgxakaxha, eDutywa.
Eli Sebe likwenze oku ukungqamana nomhla wokuqwalasela indlala kwihlabathi, iWorld Food Day, eququzelelwa ngumbutho weziziwe ezimanyeneyo.
Ethetha ngale nkqubo uMphathiswa weSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle, uNonceba Kontsiwe uthethe wathi: “Le nkqubo ikhuthaza uluntu ukuba luqalise ukulima nanjengoko ixesha lifikile, oku bakwenza nokuba basebenzisa imihlatyana emincinci,” kutsho uKontsiwe.
ISebe lezoLimo lenza oku minyaka le ngeli xesha ngelizama ukukhuthaza amafama ingakumbi awombona ukuba ngenene ukhalile uphezu-komkhono.
“Ngaphandle kokuba simisela eli phulo lokuqalisa ukulima, sikwadibanise izandla namaSebe aquka iSebe lezeKhaya, SASSA neSebe leNtlalontle ngeenjongo zokuba abantu bale ndawo banikwe iinkonzo zikarhulumente,” kutsho uKontsiwe.
Ingingqi yaseDutywa ihamba phambili ngokuba yenye yezo zityala umbona osemgangathweni eMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika. Kunyaka ophelileyo, ela Sebe limisele eli phulo eKokleni, eNgcobo, nalapho amafama ombona aye akhuthazwa ukuba atyale kangangoko.
UNozibele Nyalambisa lilungu lekomiti elijongene nemicimbi yezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle epalamente. “Eli phulo liza kuncedisa ukuxhobisa amafama ukuze kulinywe kuliwe indlala, ingxelo esiyifumanayo ibonisa ukuba ngenene kukho izinga eliphezulu lendlala kwezi lali,” kutsho uNyalambisa.
Umlawuli oyintloko kweli Sebe eBhisho, uGqirha Nandipha Ndudane, naye ubeyinxalenye yale nkqubo. “Le nkqubo siyayamanise nenkqubo yokulwa indlala kwihlabathi phantsi kombutho wezizwe ezimanyeneyo, ngoko sinethemba lokuba iza kuqhuba kakuhle ukusukela ngoku,” kucacisa uNdudane.
Le yinyanga yokuqalisa ukulima kwiindawo ezininzi zeMpuma Koloni nangona zikhona ezo zityala kwinyanga yokugqibela kulo nyaka.