Eli lixesha lokutyala iitapile mfama, oku kungenxa yokuba umhlaba ufunyenwe ngamathontsi emvula kuquka nekhephu kwezinye iindawo.
Amaqondo obushushu nawo ayaqhubeka ukunyuka kwaye iitapile ziyakholwa ngumhlaba onobushushu obuthile.
Ixesha lokuwa kweqabaka ligqithile, ngoku lixesha lokuba iitapile zingene ngaphantsi komhlaba ukuze ziqalise ukukhula.
Ukulungisa umhlaba wakho kubaluleke kakhulu mfama, kuba iitapile zithanda ukutyalwa kumhlaba ongenamagada makhulu okanye aqinileyo.
Ukulungisa umhlaba phambi kokutyala iitapile kunceda umfama atyale emhlabeni oza kufumana amanzi, ilanga kunye nomoya eziwudingayo izityalo zakho.
Kumele ukuba iitapile uzityale kumhlaba oneqondo elithile lokufuma ukuze ukwazi ukuqandusela amagaqa owanqwenelayo.
Ngeli xesha ungazityala iitapile ngeenjongo zokutya ekhayeni lakho, ukuthengisa okanye ngeenjongo zokongeza ukutya kwemfuyo yakho.
Iitapile sisidlo esihleli kwindawo yesine kwihlabathi ngokubaluleka, zilandela emva kwengqolowa, umbona nerayisi.
Zithanda imozulu engenalanga ligqithileyo, nengqele ngokunjalo akumele ukuba igqithise. Ixesha lokutyala iitapile lahlukile ngokweendawo abantu abakuzo okanye ngokwemeko yemozulu yeendawo ezahlukeneyo.
Nje ngazo zonke izityalo, iitapile ziyakuthanda ukuba zincediswe ngezichumiso, kodwa kwenze oko ngokufumana ulwazi kwigosa lezolimo elikufutshane nawe. Maxa wambi amafama asebenzisa umgquba wendalo ukuchumisa imihlaba yawo xa etyala iitapile.
Kukwakho izimungunyi ezintsentsetha amagaqa weetapile ngaphantsi komhlaba ekumele ukuba umfama azame ukuzilwa ngokufumana ulwazi. Kufuneka iitapile zingene kangange seentimitha ezingamashumi amabini ngaphantsi komhlaba.
Ukubonakala kwentyatyambo kwigqabi leetapile luphawu lokuba zikulungele ukuba zingavunwa iitapile zakho mfama. Kodwa kumele ukuba uzinike ixesha elaneleyo ukuze zikwazi ukukunika isivuno esihle nazo.
Xa ukhangela ixabiso leetapile evenkileni kule mihla, kuyabonakala ukuba ngenene kumele ukuba amafama aqine ukuzityalela iitapile zawo.