Ubisi lwenkomo. Umfanekiso: Simon Skafar / Getty Images
Amafama aseTshayina axakene nobisi ngenxa yokuba luninzi lugqithisile ubisi oluveliswa kwela lizwe ukusukela kule minyakana imbalwa igqithileyo.
Ingxelo yesebe lezolimo eTshayina, ithi, ingxaki yango2008 eyabangela ukubhubha kwabantwana ngenxa yobisi lwenkomo yakhokelela ukuba lingathenjwa ubisi lwenkomo.
Ukungathengwa kobisi lwenkomo eTshayina kubangela ukubetheka okumandla kumafama amancinci avelisa ubisi kuba lumile aluhambi ubisi ezifama zobisi.
Oku kukwabangele ukuba abathengi baseTshayina bangazithembi iimveliso zobisi eziquka isonka samasi, ibhotolo nezinye.
Ilizwe laseTshayina lihleli kwindawo yesithathu ngokuvelisa ubisi kwihlabathi, kodwa umdla ohlileyo kubantu kwela lizwe kwenza ingxaki.
Ela lizwe belivelisa ubisi olukumashumi amathathu ezigidi eetoni ngonyaka 2017, kodwa kunyaka ophelileyo ilizwe laseTshayina livelise ubisi oluziitoni ezingamashumi amane anesibini ezigidi. Ukungathengwa kobisi ngabantu baseTshayina kunyanzelisa ukuba iinkampani ezithengisa ubisi zithobe amaxabiso ezithengisa ngawo ubisi.
Le ngxaki ibangele ukuba linyuke ngokungxama inani lamafama obisi avala iifama zawo kuba ejongene nengxaki yokungathengwa kobisi.
Wambi amafama ela lizwe aphungule umyinge weenkomo zawo, logama akwanyanzeleke ukuba athengise oomatshini babo bokuvelisa ubisi.
Amanye amafama eTshayina atshintshela kwezinye iindlela zokufuya ebaleka ilahleko eyenzeka ngenxa yokungathengwa kobisi lawo. Imveliso yobisi kwihlabathi idlale indima enkulu kwezoshishino ngolimo ukusukela oko iinkomo zaba yinxalenye.
Ukuvalwa kweefama zobisi eTshayina kuza kubangela ukulahleka kwemisebenzi kubantu abaninzi abasebenza kwiifama ezivelisa ubisi.
Kukho iingxelo zokuba abezoshishino eTshayina abavumi kuthenga ubisi oluphuma kwamanye amazwe ngenxa yokuba luninzi ubisi eTshayina.
Ilizwe laseTshayina liyaziwa ngokuthumela iimveliso zalo kumazwe aquka uMzantsi Afrika, oku kubangela ukusungulwa kwamaziko abizwa ngokuba ziiChina Mall.