URhulumente welizwe laseZimbabwe uthathe isigqibo sokuxhela iindlovu ngenxa yendlala enyukileyo kwela lizwe. Kuthiwa ngenxa yembalela eqhube iminyaka emine eZimbabwe, kunqabe kakhulu ukutya ngenxa yoko uRhulumente uceba ukuxhela iindlovu ezingamakhulu amabini ukuze zityiswe abantu.
UMphathiswa wesebe lezolimo nendalo eZimbabwe, uTinashe Farawo, ukungqinile ukuba ngenene baza kuzibulala ezi ndlovu.
“Singakuqinisekisa ukuba ngenene siceba ukuxhela iindlovu ezingamakhulu amabini kuzwelonke, sisakhangela iindlela ezakwenzeka ngayo yonke le nto,” kutsho uFarawo.
Kukho iingxelo zokuba uRhulumente welizwe laseNamibia naye ukwicebo lokubulala izilwanyana zasendle eziquka iindlovu ezingamakhulu asibhozo anesithathu.
“Lo msebenzi wokubulala ezi ndlovu uza kuchaphazela izithili eziquka iHwange, Mbire, Tsholotsho kwakunye neChiredzi ngaxeshanye,” kucacisa uFarawo.
Kukho amakhulu amabini amawaka eendlovu eziphila kumazwe akumazantsi eAfrika aquka iNamibia, Zimbabwe, Zambia, Botswana kunye neAngola
Oku kuvela xa kanye ihlabathi liza kubhiyozela umhla omiselwe ngokukodwa ukuba uqwalasele ukufumaneka kokutya kwihlabathi phantsi kweenkqubo zombutho wezizwe ezimanyeneyo.
Ingxelo yeReuters, ithi, ngaphandle kwendlala eZimbabwe, ela lizwe likwaxakene namanani aphezulu eendlovu. Ela lizwe kudala lijijisana nengxaki yokunqongophala kokutya ukusukela oko kwathi kwangena ulawulo lwabantu abamnyama ngeminyaka yoo1980.
Imbali ibonisa ukuba iZimbabwe ibihamba phambili ngokuvelisa ukutya obekunceda amazantsi eAfrika kumaxesha angaphambili.