Ngaphandle kokuphazamiseka kwemveliso yengqolowa ngenxa yemfazwe eqhubeka phakathi kweRussia neUkraine, imveliso yengqolowa kwihlabathi ithwaxwa ngamandla yimozulu eguqukayo.
Amazwe aphambili avelisa ingqolowa kwihlabathi agagana nezona meko zezulu zimbi ezibangela ukuba ingqolowa ingakwazi ukuthwala ngohlobo ekumele ukuba ithwale ngalo.
Oku kwenzeka nangona amafama wengqolowa esajongene nengxaki yezikhephe ezibambezeleka elwandle ngenxa yemfazwe ephakathi kweUkraine neRussia.
Ilizwe laseArgentina nelizwe laseAustralia ngamanye wamazwe aphambili ukuvelisa ingqolowa kwihlabathi kwaye akhala ngemozulu ephazamisa imveliso. Ingxelo ephuma kula mazwe ithi kulindeleke ukuhla okumandla kumyinge wengqolowa eveliswa ngala mazwe.
Kulindeleke ukuba ihle ngeetoni ezikwizigidi imveliso yengqolowa kumazwe aquka iRussia, Ukraine kwakunye neMelika ngenxa yemozulu eguqukayo.
UOksana Lut ligosa lezolimo eliphambili kwilizwe laseRussia, uthi imozulu lutshaba oluphambili kwimveliso yengqolowa.
“Imvula engaqhelekanga, umoya obhudla ngamandla kwakunye nezinga lengqele eliphantsi kakhulu ziingxaki eziphambili,” kutsho uLut.
Uhambisa athi kukho iindawo ezilime ingqolowa engazange inethelwe yimvula, oku kwenza ukuba baxhomekeke ekunkcenkcesheleni.
Kuthiwa amafama eAustralia naseCanada azama amacebo okujika ingqolowa engagqibelelanga ukuba isetyenziswe kwezinye iindlela zokondla imfuyo. Umfama waseMelika, uDoug Keesling, uthi uthandazela ukuba kune imvula ukuze ingqolowa yakhe igqibelele.
“Ndityale ingqolowa kumhlaba ozihektare ezingaphezulu kwamakhulu amane, ndithandazela imvula kuba xa ingenakunetha ndakubetheka ngamandla kumsebenzi wam wokulima ingqolowa, ndixhomekeke kwimveliso yengqolowa,” kutsho uKeesling.