Iintlobo ezahlukeneyo zetshilisi
ITshilisi ihlala iyinxalenye yezidlo ezininzi emakhaya mihla le ingakumbi ngexesha lasebusika ngenxa yokuba iyatshisa.
Kuphekwa inyama iyasebenza, imifuno nezinye izidlo zasekhaya iyasebenza, ngoko ke kubalulekile ukuba ityalwe efama.
Xa utyala mfama khangela umhlaba otyebileyo kwifama yakho, oku kwenza ukuba uqiniseke ngesivuno esihle. Kaloku isivuno esihle sihambelana nezigqibo ozithatha xa uqala umsebenzi wokulima.
Qinisekisa ukuba uhlobo lweTshilisi olutyalayo luhambela nemeko yemozulu yendawo ofuna ukutyala kuyo, ungabona izityalo zingaphumi kanti kungenxa yomhlaba nemozulu.
Indidi ezahlukeneyo zeephepha zithanda indawo ezithile ngokwamaqondo ukuze zivelise ngohlobo ofuna ngalo.
Ezinye kuzo zithanda ubushushu logama ezinye kuzo zikholwa Kanye ngamaqondo aphantsi obushushu.
Ukwenza uphando olunzulu phambi kokuba utyale iTshilisi kunganceda ngenene ukuze ufumane isivuno osinqwenelayo.
Amaxesha amaninzi iTshilisi ithanda indawo ezinelanga elaneleyo, ngoko ke khangela indawo enelanga elaneleyo xa utyala.
Umyinge weyure ezintandathu ukuya kwezisibhozo zigqatswa lilanga kwenza ukuba zikunike isivuno esihle. Inkqubo yokwenzeka kwamagqabi aluhlaza kwesi sityalo kwenzeka kakuhle ngenxa yelanga elaneleyo.
Xa kunokwenzeka ukuba utyale iTshilisi kwindawo evalelekileyo kufuneka uqinisekise ukuba wenza iinzame zokuba ukukhanya kuyafumaneka nokuba kukanjani.
Ungasebenzisa ukukhanya okufana nezibane ozenzileyo okanye iglobhu zokulayitha.
Zikholwa ngamandla ukuba zihlale zimanzi, oko kuthetha ukuba umfama kufuneka ahlale enkcenkceshela izithole zakhe. Nangona kunjalo ezi zityalo azikuthandi ukuhlala emanzini amaninzi, ngoko ke hlala ubeke imehlo kumyinge wamanzi akho mfama.
Ukuthwasa kwehlobo lixesha lokuqalisa ukutyala izityalo ezifana neTshilisi, thatha ixesha ke mfama ufunde banzi ngemveliso yolu hlobo lephepha kuthiwa yiTshilisi.
Zivela ke kwimibala ngemibala, zikho eziluhlaza, ezibomvu, nezimthubi. Kodwa yona iTshilisi ithanda ukuba bomvu ngombala uphawu lokuba iyababa xa uyitya.