Esi sichazi-magama siqulethe amagama angamawaka asixhenxe achazwe ngokucacileyo enabisa amagama athile nentsingiselo yawo.
Ikho kwaye ininzi imfuneko yokuba kuveliswe izichazi-magama ezifana nezi ukuzama ukunceda amafama kwisigama sezolimo.
Nangona esi sichazi-magama sibhalwe ngesilungu kuphela, kodwa siqulethe amagama anika ingxaki kakhulu kumafama.
Amafama axakeka mihla engakwazi kulandela izinto ezibhaliweyo kwizidlo zempahla, kumachiza nezinye izixhobo azisebenzisayo.
Xa singena nzulu kwesi sichazi-magama, sifumanisa ukuba awona magama maninzi akudinga ngenene ukuchazwa ngalawo asebenziswa kwimicimbi yempilo yezilwanyana.
Kaloku uninzi lwamagama asetyenziswe kulwazi olungempilo yezilwanyana abhalwe ngolwimi nesigama senzululwazi. Amafama enza impazamo yonke imihla ngenxa yokungalandeli isigama esisetyenziswa kwimicimbi yolimo nokufuya.
Oku kuthetha ukuba amafama amele ukuba azithengele isichazi-magama esifana nesi, oko kuya kunceda ukuba amafama aphumelele kumsebenzi wawo.
Esi sichazi-magama sisebenzise ulwimi olunye isiNgesi kuphela, kodwa ngaphandle kwamathandabuzo singaluncedo kumafama.
Ushicilelo lokuqala lwesi sichazi-magama lwenziwa ngonyaka ka1990, oko kuthetha ukuba kudala sikhona, kodwa ungafumanisa ukuba ambalwa amafama asaziyo.
URhulumente weNtshona Koloni ngowokuqala kweli loMzantsi Afrika ukuba apapashe isichazi-magama esiqulethe amagama abhalwe ngesilungu aze achazwe ngesiXhosa.
Kuthiwa kwiilwimi eziquka isiJamani zikhona izichazi-magama ezinceda amafama ukuba afumane ulwazi ngaphandle kwengxaki.
Esi sichazi-magama sipapashwe ngabakwa Bloomsburry eNgilane, kodwa lona ulwazi lunganceda nawuphi umfama kwihlabathi. Ngenxa yokutolika amagama ngendlela egwenxa, amafama enza iimpazamo ezininzi kakhulu eziquka ukusebenzisa amachiza ngendlela engeyiyo. Ukungalandeli imiyinge yamachiza nezinye izinto ezibhalwe ngolwimi lenzululwazi.