UJohn Steenhuisen nguMphathiswa omtsha wezoLimo kuzwelonke.
UMphathiswa omtsha wezolimo uJohn Steenhuisen akanawo umzila wokuba ngumfama, okanye obonisa ukuba uphuma kwikhaya lwamafama.
Kwikhabhinethi entsha kaMongameli uCyril Ramaphosa, uSteenhuisen unikwe uxanduva lokujijisana neengxaki zolimo ukuze kuveliswe ukutya.
Uninzi lukholelwa ukuba akukho nto ininzi amele ukuyenza koko kumele ukuba aqhubele phambili iinkqubo ezikhoyo zikaRhulumente.
Isicwangciso esikhoyo esijoliswe ukukhulisa nokuphuhlisa iinkqubo zolimo sanele ukuba singenza umahluko kwezolimo.
UDintle Maphala ngumfama osemtsha kwifama iGoedhoop eMaletswai phezu komlambo iGqili.
“Izimvo zam zixubile ngale meko, kodwa ke ndiphinde ndikholelwe ukuba uza kulungisa izinto, ubekwe esaziwa ukuba noko angenza umahluko kwezolimo,” kutsho uMaphala.
UMaphala ngumfama olinina osemncinci ophume izandla ngokufuya iibhokhwe zohlobo lweAngora, kwaye ungowokuqala omnyama ukwenza njalo.
USteenhuisen unikwe uZoleka Capa ukuba abenguSekela Mphathiswa ecaleni kwakhe. UCapa kudala esebenza kwela sebe, ngoko ke uza equlethe amafa nolwazi oluninzi.
Umfama uManyano Rasimeni waseFrankfort ngaseBhisho uthi ngenene kubalulekile ukuba uSteenhuisen aqhubele phambili iinkqubo ezimiyo zikaRhulumente.
“Ndiyathemba ukuba akazukutshintsha iinkqubo zikaRhulumente ezijoliswe ukukhulisa amafama amnyama asakhulayo,” kuthetha uRasimeni.
Izimvo zoluntu loMzantsi Afrika zixubile ngendlela esekwe ngayo le khabhinethi kaRamaphosa, kukho abanethemba nabo bathi akukho nto iza kuqhubeka.
“Umbutho aphuma kuwo uSteenhuisen ngumbutho ojongene kakhulu neemfuno zegcuntswana labantu abamhlophe, kodwa ke sakuhlala ethembeni lokuba uza kwenza kakuhle,” kutsho uRasimeni.
Uthi kuzakufuneka ukuba asebenzela ukukhulisa amathuba wokuba amafama amnyama akwazi ukuthumela iintengiso zawo kwihlabathi.
Ethetha namajelo eendaba. uSteenhuisen uthi umbutho wakhe iDA uzimisele ukuqinisekisa ukuba onke amasebe asezandleni zabo anika abantu iinkonzo.