Amafama wemveliso zeorenji eMozambique aqalise ukungena njengamalungu ombutho iCitrus Growers Association (CGA) yoMzantsi Afrika.
Ukusukela kule nyanga yeSilimela, amafama aseMozambique avumelekile ukuba angamisela umbutho wawo obizwa ngokuba yiMozambique Citrus Association.
UTertius Strauss ongumfama ovelisa iiorenji eMozambique uthi uthi oku kuza kubaphathela inguqu abayidingayo.
“Ngenxa yoku siza kukwazi ukufikelela kulwazi nakwinkxaso esiyidinga ngamandla ukuze kukhule imveliso yeeorenji eMozambique,” kutsho uStrauss.
Lo mbutho udibanisa amazwe afana neSwatini, Zimbabwe, Botswana kwakunye neNamibia. La mazwe akwingingqi evelisa ngamandla iimveliso zeeorenji ezithengiswa kwihlabathi.
Ingxelo ekhutshwe ngumbutho ojongene nezolimo kwihlabathi, iFood and Agricultural Organization, ithi ngumhlaba oziihektare ezingamawaka amathandathu ekulinywa kuwo iiorenji eMozambique.
“Kulindeleke ukuba ukukhula kwemveliso yeorenji eMozambique kufikelele kumhlaba oyakuba ziihektare ezikumashumi alithoba anesixhenxe amawaka ngo2026,” kutsho uStrauss.
Kuthiwa iimveliso zeeorenji zidlala indima ephambili kwiimveliso zolimo zidityanisiwe kwilizwe laseMozambique. Amazwe akumazantsi weAfrika avunyelwa yimozulu yawo ukuba akwazi ukulima ngempumelelo iziqhamo ezifana nemveliso zeeorenji.
Ngenxa yokukhula kwemveliso yeorenji eMzantsi Afrika, iCitrus Growers Association ixakekile izama ukukhulisa umsebenzi wokuveliswa kweeorenji.
UJustin Chadwick weCGA uthi bayakuvuyela kakhulu ukuba amafama weeorenji eMozambique angenelele kumbutho wabo.
“Sijonge ukuphucula umsebenzi wethu ngokulungisa iingxaki ekumazibuko weenqanawa, sikuthethwano neenkampani ezisebenza ngokuthutha imithwalo ukuze kususwe imiqobo kumsebenzi wokuhanjiswa kwemithwalo yethu,” kutsho uChadwick.
Iingxaki zokuhanjiswa kwemithwalo zixakile kumazibuko aquka iNgqura kwakunye neRichards Bay eThekwini.