Ukusukela ngomhla wamashumi amabini kwinyanga kaCanzibe kulindeleke ukuba ibuye ithengiswe kwakhona inyama yenkukhu yeli kwilizwe laseNamibia.
Ingxelo ekhutshwe yiNamibia Directorate of Veterinary Services basinqumamisile isibheno esabangela ukuba ingangeni inyama yenkukhu yeli kwela lizwe.
Oyintloko yooGqirha bezilwanyana kwela lizwe uGqirha Albertina Shilongo uthi yinyama epasiswe ngokusemthethweni kweli ezakuthengiswa eNamibia.
“Inyama esizakuyithatha eMzantsi Afrika yinyama epasiswe ngokusemthethweni yemithetho yelizwe loMzantsi Afrika, ngoko yonke into izakwenzeka ngokusemthethweni,” kutsho uShilongo.
Ukuqhambuka komkhuhlane wenkukhu kweli kuko okwabangela ukuba ela lizwe liyeke ukwamkela inyama yenkukhu yoMzantsi Afrika kuquka neemveliso zenyama yenkukhu.
Umlawuli weSouth African Poultry Association uIzaak Breitenbach uthi sele kuqhubeka ukuthunyelwa kwenyama yenkukhu yeli kwilizwe laseNamibia.
“Ukusukela kwinyanga yoKwindla kulo nyaka iqalile inyama yethu ukuthengiswa kwilizwe laseNamibia, oku konke kwenza igalelo elihle kwimveliso yenyama yenkukhu,” kucacisa uBreitenbach.
Uhambisa athi bayavuya kakhulu kukunqunyanyiswa kwale miqathango kuba ibibabetha kakhulu kwicala lokuvelisa inyama yenkukhu.
“Sikwamkela ngovuyo olukhulu ukunqunyanyiswa kwesi sibheno, kudala sathengisa inyama yenkukhu yethu kwilizwe laseNamibia, ngoko ziindaba ezintle ezi kuthi singamafama enyama yenkukhu eMzantsi Afrika,” kutsho uBreitenbach.
UShilongo uthi kungenxa yokunqongophala kwenyama yenkukhu kwilizwe laseNamibia okubangela ukuba bathenge kumazwe afana noMzantsi Afrika.
“Amafama wenkukhu kweli laseNamibia awafikeleli kwinqanba esifuna lona lokuveliswa kwenyama yenkukhu kweli, ngoko ke sinyanzeleka ukuba sithenge kumazwe afana noMzantsi Afrika,” kutsho uShilongo.
Ingxelo ekhutshwe nguStatistics South Africa incoma ngokumandla indima edlalwe zezolimo kweli kwisiqingatha sokuqala salo nyaka ka2024.
Kuthiwa zikhule ngeepesenti ezilishumi elinesithathu iimveliso zolimo eMzantsi Afrika kwesi siqingatha sokuqala sonyaka.