UCacisa Manashe (26) waseXhorha ulima ngothando elandela ezinyaweni zikatata wakhe ukusukela kunyaka ophelileyo u2023.
Ingingqi yaseXhorha inamafama amaninzi asaqalayo asebenza nzima ukuzibonakalisa kumsebenzi wokulima nokufuya.
“Ndiqale ukulima ngemifuno kwanokufuya iibhokhwe, ifama yam ibizwa ngokuba yiRiri,” kutsho uManashe.
UManashe ungenelele kwiqela labantu abatsha kweli abazikhethela ukusebenzisa ezolimo ukuzenzela imali logama bekwadala amathuba emisebenzi.
“Ndiyakuthanda ukulima ngenxa yefuthe likatata wam, kwakuthandwa ngutata ukulima, ngoko ke nam ndizimisele ukuqhubela phambili ngolimo nokufuya,” kutsho uManashe.
Uthi le yenye yeendlela zokubeka ukutya etafileni logama ekwadlala indima yakhe kuphuhliso.
“Umyalezo wam kulutsha uthi makuqalwe kwangoku ixesha lisekhona ukuze bayeke ukulinda izinto ezingekhoyo,” kutsho uManashe.
Ukhuthaza ulutsha ukuba lusebenzise umhlaba okhoyo ukwenza imali namathuba emisebenzi ukuze kuguquke imeko yentlalo nemeko yezimali ngokunjalo.
“Okwangoku ndithengisa izithole ngelizama ukwenza imali ukuze ndiqhubeke nomsebenzi wokulima nokufuya,” uhambisa atsho uManashe.