Ixhego lisebenza emasimini. UMFANEKISO: NIKADA
Amaxesha amaninzi uva abantu ingakumbi abamnyama besithi bazakuqalisa ukufuya nokulima xa bethathe umhlala phantsi. Oku kuxhaphake kakhulu kwabo baphangela kuRhulumente okanye kwiinkampani zabucala.
Nangona kunjalo, baninzi abantu abaphangela kuRhulumente abaqalisa ukulima nokufuya phambi kokuba bathathe umhlala phantsi.
Yimpazamo ukuqala ukulima nokufuya ngexesha lomhlala phantsi, kaloku ukulima nokufuya kufuna ngamandla ukuba umfama abe uphilile uqinile ngokwempilo. Ukuqalisa ukulima okanye ukufuya emva kweminyaka engamashumi amahlanu yimpazamo enkulu.
Kumele ukuba amafama wakuthi afunde ukuqalisa ukulima nokufuya besenamandla okwenza lo msebenzi. Ngumzimba ophilileyo kuphela onokumelana nomsebenzi wokulima nokufuya.
Kula maxesha abantu bahlaselwa zizifo kanye xa befika kwiminyaka engamashumi amathandathu. Ngaphandle koko, ulimo nokufuya kufuna ubani onengqondo esenokufunda izinto ezintsha, kuba kuyafundwa yonke imihla kwezolimo.
Ngoko ke mafama wakuthi fundani ukuqala ukulima nokufuya logama nisenamandla, nisaphangela ukuze nikwazi ukuziqaphela zonke iingxaki ezikhoyo kwezolimo.
Maxa wambi umfama uqalisa ukulima ngemali yakhe yokugqibela, de asebenzise isixamali esikhulu semali kwezolimo. Oku kubangela ukuba kubekho ilahleko kwiinzame zakhe zokulima okanye ukufuya.
Kaloku wenza oku engenalwazi laneleyo ukuze akwazi ukumelana nemiceli mngeni ebonakaliswa zezolimo. Oku konke kuthetha ukuba makuqaliswe ukulima nokufuya umntu esemtsha, esenamandla okumelana neengxaki zonke zolimo.
Oku kuquka amandla omzimba, amandla ngokwezimali kuba ephangela, amandla okukwazi ukufunda izinto eziqhubeka kwezolimo. Oku kwenza ukuba umfama ufika kwinqanaba lokuthatha umhlala phantsi sele equlethe ulwazi namava afanelekileyo.
Ngoko ke sikhuthaza ukuba amafama akuthi angene kwezolimo ngexesha elifanelekileyo.
Nangona kunjalo, akhona amafama amadala angena kwezolimo enze umahluko odingekayo kwezolimo. Kodwa ubulumnko kukuqala kwangexesha ukuze ukhule usenza lo msebenzi wokuvelisa ukutya mfama.