Zingaphezu kwe200 iinkomo ezifunyenwe kwiSithili saseJoe Gqabi.
Ngoncedo lwabachaphazelekayo abaninzi, kuquka iSebe lezoLimo, amalungu eNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika aphuma kwiCandelo lokubiwa kwemfuyo akhokele iphulo leentsuku ezintathu kwiSithili saseJoe Gqabi, ngokugxilwe kwiindawo ezifana neDebeze, Mbenze, naseNkonkweni kuQumbu.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli, zingaphaya kwamakhulu amabini (200) iinkomo ezabhaqwa ematyholweni zaye zathunyelwa kwiindawo ezifanelekileyo ukuze zifaniswe.
“Amafama asekuhlaleni akwazile ukufanisa ezinye zemfuyo yawo, ze ezinye zasiwa kwiindawo zokhuseleko zikamasipala. Eli phulo landiswa ukuquka iindawo zokuhlala apho abaqhubi beemoto baye bahlawuliswa ngenxa yokuthutha imfuyo ngaphandle kwemvume. Bebonke abarhanelwa abasibhozo baye babanjwa ngokwaphula umthetho weImmigration Act,” utshilo uNkohli.
Ngosuku lokugqibela lwephulo, kunikwe ingqwalasela kwimithetho yemfuyo kunye namalinge emfundo ajolise ekukhuthazeni amafama ukuba aphawule iinkomo zawo.
UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, udlulise amazwi ombulelo kwiqela labathathinxaxheba abohlukeneyo abathe banegalelo kwiphulo iOperation Mazibuye Iinkomo Zam kwisithili saseJoe Gqabi kwiveki ephelileyo.
“Njengabaphathi abaphezulu, siyalivuyela izinga lokuzinikela kuye wonke umntu obebandakanyeka. Kukho ithemba lokubona ukuphucuka kokufunyanwa kwemfuyo ebiweyo. Sikwabongoza abahlali ukuba basoloko benxibelelana namapolisa akufutshane, nanini na xa bebona abantu abakrokrekayo behambisa imfuyo,” utshilo uLieutenant General Mene.