Handcuffs
Kwiintsuku nje emva kokuba uGeorge Mildenhall oneminyaka engamashumi asibhozo anesibini (82) ubudala waseJeffreys Bay ehlaselwe kanobom ekhayeni lakhe ngethuba kuqhekezwa, abecuphi beSAPS Jeffreys Bay bakwazile ukubamba abarhanelwa ababini, uZakhele Yake (27) kunye nesinqandamathe sakhe uRia Maku (19).
Isithethi samapolisa, uCol Priscilla Naidu uthi kwingxelo kutyholwa ukuba ngomhla weshumi elinesithathu (13) kweyoMsintsi ka2023, ixhego labhaqwa yintombi yalo lilele phantsi libotshwe izandla.
UNaidu uthi ixhego lonzakele entloko. Izinto zasekhaya zathathwa. Bakwazile ukungena ngokuyivula ngenkani ibhagla. UMildenhall ulaliswe kwisibhedlele saseGqeberha apho wabhubhela khona ngomhla wamashumi amabini (20) kweyoMsintsi ka2023.
NgoMgqibelo, umhla weshumi elinesthandathu (16) kweyoMsintsi ka2023, abacuphi babambe abarhanelwa ababini kwindlu ekwisitalato iGriffiths Mxenge eOceanview.
“Impahla ebithathwe kwindlu ekwisitalato iMossel eJeffreys Bay iye yafunyanwa. UYake kunye nesinqandamathe sakhe, uMaku bavele kwinkundla kamantyi yaseHumansdorp ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kweyoMsintsi ka2023 ngezityholo zokuphanga kunye nokuzama ukubulala. Baphinde bavela enkundleni ngomhla wamashumi anambini (22) kweyoMsintsi ka2023 kwaye ngoku bajongene netyala lokubulala,” itshilo ingxelo kaNaidu.
Bagcinwe eluvalelweni de kube ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMsintsi ka2023 ukuze bafake isicelo sebheyile esisemthethweni.
UMkomishinala weSithili saseSarah Baartman, uMajor General Zolani Xawuka ubancomile abecuphi ngokusabela kwabo ngokukhawuleza kulwazi abalufumene kuluntu.
“Unobangela wesenzo esimanyumnyezi ngolo hlobo yayikukuphanga - ulwaphulo mthetho olungenangqiqo oluye lwabulala umntu. Sizibophelele ngokupheleleyo ekuqinisekiseni ukuba ubulungisa buyenzeka. Siqhwabela izandla ukuzinikela kwabahlali kunye nenkxaso ekuncedeni ukubamba abarhanelwa ngokukhawuleza,” wongeze ngelitshoyo uMajor General Xawuka.