Yintoni uMthetho oYilwayo weBELA?

UMongameli uCyril Ramaphosa utyikitye umthetho oyilwayo weBELA kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli ngoLwesihlanu. UMFANEKISO: GCIS

UMongameli Cyril Ramaphosa utyikitye uMthetho-siHlomelo oYilwayo weMithetho yeMfundo esiSiseko (BELA) ukuba ube ngumthetho kumsitho obubanjelwe kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli ngoLwesihlanu, umhla we13 kweyoMsintsi ngowama2024.

Nangona kunjalo, uthe ukuphunyezwa kwamagatya amabini (4 & 5) akuzukwenzeka kwangoko njengoko kufuneka kubekho uthethathethwano lweenyanga ezintathu nemibutho yezopolitiko kurhulumente wobumbano kazwelonke (GNU) engavumelaniyo nayo.

Lo mthetho uyilwayo ujonge ukomeleza ulawulo kwicandelo lezemfundo.

I-BELA ilungisa amacandelo oMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika ka1996 kunye noMthetho weNgqesho yooTitshala ka1998.

Ezi zilungiso ekulindeleke ukuba zenziwe:

Ukwenza iBanga R (Grade R) libe sisinyanzelo: Lo mthetho uyilwayo uphakamisa ukwenza iBanga R libe sisiqalo esisisinyanzelo sesikolo.

Ukugweba ukungakhathali kwabazali ngokumalunga nokuhamba kwabantwana iskolo: Lo mthetho uyilwayo ujonge ukugweba abazali abasilela ukuqinisekisa ukuba abantwana babo bayasihamba isikolo, banokuvalelwa entolongweni ngenxa yoko. Ikwachaza nokuba nabani na ophazamisa iinkqubo zesikolo angajongana nobuninzi beenyanga ezilishumi elinesibini entolongweni.

Ummiselo wemfundo yasekhaya: Esi silungiso sivumela iNtloko yeSebe ukuba indwendwele amakhaya phambi kokubhalisa imfundo yasekhaya. Ivumela uMphathiswa weMfundo esiSiseko ukuba akwazi ukulawula ukubhaliswa nokulawulwa kwemfundo yasekhaya, ekwamkela ukuba abanye abazali bakhetha imfundo yasekhaya kunokufunda ezikolweni.

Umgaqo-nkqubo wolwimi ezikolweni: Oku kufuneka ukuba amabhunga olawulo ezikolo angenise imigaqo-nkqubo yawo yeelwimi ukuze ivunywe. Le migaqo-nkqubo kufuneka ithathele ingqalelo iimfuno zolwimi kuluntu ngokubanzi.

Ukufaka inkolo kwimithetho yesikolo: Lo mthetho uyilwayo uphakamisa ukuba imigaqo yokuziphatha yesikolo ihloniphe iinkolelo zenkcubeko nezenkolo, kubandakanywa amalungiselelo okuba abafundi bafune ukuxolelwa kwiimfuno ezithile zomthetho.

Ukuyekiswa ukubethwa kwabantwana ezikolweni: Lo mthetho uyilwayo uqinisekisa ukwalelwa kokubethwa kwabantwana ezikolweni, abo baqhubeka nokwenza oko banokuhlawuliswa okanye bavalelwe.

UMongameli uCyril Ramaphosa utyikitye umthetho oyilwayo weBELA kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli ngoLwesihlanu. UMFANEKISO: GCIS

Izichaso zalo Mthetho osaYilwayo

Kukho uloyiko lokuba imibutho yezopolitiko engaboni ngasonye ngalo mthetho usayilwayo ingakhokelela ekuqhawukeni kwemitshato kwiGNU.

Awona magatya adale ingxwabangxwaba ngalawo amalunga nokomeleza ukongamela kukarhulumente imigaqo-nkqubo yeelwimi nemigaqo-nkqubo yezikolo ekwamkeleni abantwana ezikolweni.

Abagxeki balo mthetho uyilwayo bathi lo mthetho uyilwayo weBELA ujongela phantsi amagunya amabhunga olawulo ezikolo namandla okuthatha izigqibo.

Imibutho yezopolitiko ethethe elubala ngokuchasa lo mthetho osayilwayo, iquka, iDemocratic Alliance (DA), Freedom Front Plus kunye neActionSA.

Inkokeli yeDA, uJohn Steenhuisen, uthembise ngokuwusa enkundleni lo mba.

“Siyayiqaphela intetho kaMongameli Ramaphosa kumsitho wokutyikitywa komthetho oyilwayo weBELA wokuba umhla wokuphunyezwa kwawona magatya adala ingxwabangxwaba uzakumiswa kangangeenyanga ezintathu ukuze kuxoxwe.

“Nangona kunjalo, iDA ikwaqaphele intetho kaMongameli yokuba, ‘ukuba imibutho ayikwazi ukuvumelana ngendlela eyiyo, ngoko ke siya kuqhubeka nokuphunyezwa kwalo mthetho uyilwayo ngokupheleleyo.’

“Oku kuthetha ukuba ukuba akukho sivumelwano, iANC iya kuqhubeka nokuphumeza amagatya axhobisa amasebe ephondo ukuba oyise amabhunga olawulo ezikolo kumba womgaqo-nkqubo wolwimi ezikolweni. I-DA iyasikhaba esi sigrogriso sikaMongameli,” utshilo uSteenhuisen.

UMphathiswa weMfundo esiSiseko uSiviwe Gwarube, okwalilungu leDA ePalamente, khange awuzimase umsitho wokutyikitywa kwalo mthetho usayilwayo.

UGwarube uthe kwingxelo yakhe usawuchasa lo mthetho uyilwayo ngenxa yendlela omi ngayo ngoku.

“Ndicele uMongameli ukuba ayibuyisele ePalamente ukuze iphinde iqwalaselwe ngokweCandelo lama79 loMgaqo-siseko. Ndikwanike izimvo zam malunga nokuba kutheni le nto kufuneka yenziwe,” utshilo uGwarube.