UThabo Bester kunye noGqirha Nandipha Magudumana bencumelana enkundleni emva kokudibana okokuqala ukusukela ukubanjwa kwabo eTanzania.
Imifanekiso neevidiyo zikaThabo Bester noGqirha Nandipha Magudumana bencumelana, behleka, besebezelana enkundleni zisasazeke kumakhasi onxibelelwano. Bebehleli kunye begigitheka okwabantwana besikolo abangana hayi emva kwegumbi lokufundela. Ukuba bekukho isanti, bebezokubhala kuyo ngeenyawo. Abanye abantu baye banyibilika kukudibana kwesi sibini enkundleni bade bababize ngokuthi bayi ‘Gangster Love’ ne ‘Forever Yena’.
UBester owabanjwa enetyala lokudlwengula kunye nesithandwa sakhe uGqirha Magudumana badibene okokuqala ngqa ukusukela ukubanjwa kwabo eArusha eTanzania. UBester noMagudumana bavele kunye nabanye abalishumi abatyholwa nabo kwinkundla kamantyi yaseBloemfontein ngentsasa yangoLwesibini.
Kubonakala ngathi okomzuzwana abantu batshayele bonke ubugwenxa besisibini phantsi kwemethi bencoma esisibini kwaye behlekisa ngobudlelwane babo. Umdlali weqonga nomsasazi kamabonakude, uMaps Maponyane uye wabhala kuTwitter/X esithi, “UGqirha Nandipha ukhangeleka ngathi angaphinda ayenze ngaphandle kwamathandabuza lento noThabo Bester kwakhona. Badibene kwakhona kwaye bayathandana.”
Nazi ezinye zezimvo zabantu kuTwitter/X:
@Am_Blujay: “Akukho nto iza kungena phakathi kukaThabo Bester noGqirha Nandipha, endinokukuxelela yona: makwenziwe inkqubombaliso (documentary) bethuna.”
@Aydi_23: “Thandana nomntu okujonga njengoNandipha ejonge uThabo Bester.”
@ludick_anisia: “UThabo Bester noGqirha Nandipha banola thando ekuthiwa yiGangster Love. Nenkqubo yobulungisa ayinakungena phakathi kwabo.”
@AkaniMangena: “Indlela uNandipha amthanda ngayo nabonakalisa uthando kuThabo Bester enkundleni, ndiqinisekile ukuba ngumTsonga. Akukho mntu uthanda ngola hlobo, ngamanina abangamaTsonga kuphela kwaye abasekho abanjeyana. Unzulu kuthando, ingcaciso yokwenene kaForever Yena.
Abanye abantu babelane ngeenkxalabo zabo:
@Mmatapa_anita: “UGqirha Nandipha uyandoyikisa. Imbi kakhulu indlela aziva ekhululekile ngayo xa ekunye nomdlwenguli nombulali.”
@Matome_thata: “UGqirha Nandipha noThabo Bester abaqhelekanga tu - babulala badlwengula abantu ngoku bavela kumabonakude bafuna sikholelwe ukuba bayakwazi ukuthanda? Ngoku ubomi babo bubaluleke ngakumbi?”
@joy_zelda: “Thina singabemi boMzantsi Afrika sinengxaki yokuba uGqirha Musa noLiesl bayathandana. Asikhe sibaxhase kodwa sincoma uthando lukaNandipha noThabo Bester, umdlwenguli nombulali. Zange sababhiyozela [Musa noLiesl] nanini na xa bebonisana uthando kumakhasi onxibelelwano kodwa sibhiyozela uNandipha noThabo. Sisisizwe esigulayo.”
Abantu bayathanda ukuqhula bathi ukubhoreka eMzantsi Afrika lukhetho. Abantu basoloko besebenzisa uburharha kwiimeko ezimbi kodwa ukuvela enkundleni kwesi sibini sisathandana akufuneki kucime ubugebenga bukaBester noMagudumana. Iintsapho zamaxhoba zibuhlungu ngenxa yezenzo zabo kwaye izenzo zolwaphulo-mthetho zesi sibini zashiya isilonda esisisigxina.
Ityala labo lihlehliselwe umhla weshumi elinanye (11) kweyeDwarha ukuze kuqhutyekwe nophando.