USiya noRachel Kolisi bazokohlukana.UKapteni wamaBhokobhoko uSiya Kolisi kunye nenkosikazi yakhe uRachel babhengeze ukuba baza kuqhawula umtshato.
Esi sibini sibhengeze oku kwikhasi labo lika’Instagram ngokuhlwa ngoLwesibini ukuba “bagqibe ngokulinganayo” ukuwuphelisa umtshato wabo.
“Esi sigqibo siphuma kwindawo yothando, intlonipho, kunye nokuqonda ukuba le yeyona ndlela ifanelekileyo kuthi sobabini,” sitshilo esi sibini kwingxelo.
Bakwathe bazakuhlala bengabahlobo abakhulu kunye nabalingane abazimiseleyo ekukhuliseni abantwana babo.
Esi sibini satshata ngenyanga yeThupha ngo2016 – sinabantwana ababini ababazalayo kwaye bakwangabagcini ngokusemthethweni babantwana bakuloSiya abancinci.