Iindaba

Uphando ngotitshala ojola nabafundi luyaqhuba, litsho iSebe

Cwayita Nondula|Published

Isikolo samabanga aphakamileyo samantombazana iQueenstown Girls’ High School. Umfanekiso: Facebook

Isikolo samabanga aphakamileyo samantombazana iQueenstown Girls’ High School. Umfanekiso: Facebook

Unqunyanyisiwe utitshala owaziwa njengoMnu Chesline Jekels, wesikolo samabanga aphakamileyo samantombazana iQueenstown Girls’ High School, kuKomani emva kwezityholo zokuba ulala nabafundi.

Lo titshala unqunyanyiswe ngelixa efumana umvuzo wakhe opheleleyo. Kwiveki ephelileyo, abafundi babhale ileta ebhentsisa izenzo zalo titshala nejikeleza kumakhasi onxibelelwano.

Le leta ibanga ngelithi inqununu nabanye ootitshala abazihoyanga iingxelo zokuba lo titshala ujola nomfundi webakala leshumi elinesibini (Grade 12).

“Lo mba waxelwa kwisekela nqununu yesi sikolo. Emva kokuchazwa kwalo mba, amantombazana athi adandalazisa impatho-mbi ngokwesondo, aye aphathwa kakubi kwesi sikolo. Ide yafikelela kwinqanaba lokuba ootitshala babonakala ingathi baxhasa ezi zenzo zalo titshala kuba khange benze nto,” batshilo abafundi kwileta.

Abafundi bakwangqinile ukuba abafundi bebakala leshumi elinanye (Grade 11) neleshumi elinesibini (Grade 12), babhalele kumbutho wezikolo iCongress of South African Students (Cosas) malunga nalo mba.

USihlalo webhodi elawula isikolo (SGB), kwisikolo samabanga aphakamileyo samantombazana iQueenstown Girls’ High School, uLester van Schoor, ungqinile ukuba uJekels unqunyanyisiwe.

“Ukhuseleko lwabafundi bethu lubaluleke kakhulu kuthi, kwaye olo khuseleko luya kubekwa phambili. Isikolo asizange sinyamezele, kwaye asizukunyamezela indlela yokuziphatha engamkelekanga kubafundi bethu, kwaye asiyi kukuvumela nakuphi na ukuziphatha okunje ngakumabhinqa,” utshilo uvan Schoor.

UMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, uyicacisile into yokuba utitshala otyholwa ngezi zityholo uqeshwe ngabazali hayi iSebe lakhe.

UVuyiseka Mboxela, osisithethi seli Sebe, uthi ibhunga lootitshala boMzantsi Afrika, iSouth African Council of Educators (SACE), linceda iSebe kolu phando.

“Ukuba ufunyaniswe enetyala kuya kubakho isigqibo sokuthatha isatifikethi sakhe sokufundisa, ukuqinisekisa ukuba akaphindi abeyititshala,” utshilo uMboxela ethetha nejelo leendaba.

UMboxela ukwathe abafundi bafumene ululeko lwasengqondweni.