UMzantsi Afrika ujongene notshaba olutsha lezikrelemnqa ezinyanzela ukunikwa imali abathi bakhusela ngayo amaxhoba, uSekela Mongameli uPaul Mashatile uthi izakuphela loo nto.
UMashatile uthethe oku ngethuba ebethetha nendibanisela yezindlu zePalamente eKapa. Oku kusemva kokuba iziganeko zokunyanzelwa kwabantu ukuba bahlawule imali yokhuseleko ziye zakhula kuMzantsi Afrika ngokubanzi.
“Sizimisele ukudibanisa konke esinako ukuze siqalise iinzame zokulwa lo mkhuba mtsha, abantu abakwezoshishino baza kusebenza ngaphandle kwexhala,” utsho uMashatile.
Ubongoze amalungu ezindlu zonke zePalamente ukuba asebenze nzima ukuqinisekisa ukuba uzinzo luyabuyela ezilokishini nasezilalini zoMzantsi Afrika.
“Inzolo nokwenziwa koshishino ngaphandle kwengxaki kubangela ukuba abatyali zimali balibone ilizwe lethu njengendawo efanelekileyo yokwenza ushishino,” uhambise watsho uMashatile.
UMashatile ubongoza iinkokheli zasekuhaleni ukuba zizilungiselele ukulwa ngokucacileyo notshaba lemali yokhuseleko ebantwini.
Idolophu yaseMthatha sele ivale iigaraji ezintathu ngenxa yemali efunwa ngaba nqevu kubanikazi bamashishini. Abantu abathengisa ezitalatweni nabo banyanzelwa ukuba bakhuphe le mali imdaka.
Izaphuli mthetho zifuna imali ngenkani kwabezoshishino abakha izakhiwo kwakunye namashishini azimeleyo. Kuthiwa eMthatha banyanzelise ukuba kuvalwe izikolo kuba befuna imali yokhuseleko.
Ukanti iNkulumbuso yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, naye kwiveki ephelileyo uthembise ukuba uza kujijisana ngamandla nezikrelemnqa eziqokelela imali kwabo benza ushishino. Kuthiwa aba nqevu baqaphela izinto eziquka iimoto nophuhliso olwenzeka ekhayeni ukuze bafune le mali ngelithi baza kukukhusela kwizaphuli mthetho.
Amawele angamagqirhakazi aziwa njengeeNkonjane zooFaku azicelela iivoti