Ibhinqa elineminyaka elinesibhozo (18) ubudala liye kwikhasi lonxibelelwano, uReddit, ukuya kucela iingcebiso kubantu ngemeko yakhe ekhubekisayo.
Eli nenekazi libuhlungu emva kokuba lifumanise ukuba umama walo ukhulelwe umntwana womyeni walo (25) emva kokuba ebabambe besabelana ngesondo.
Eli nenekazi lichaze ukuba lineenyanga ezintandathu likhulelwe umntwana walo wesibini, kodwa ngoku linokwenzeka likhulise abantwana lilodwa emva kokungcatshwa ngumyeni nomama walo.
Uthi wayerhanela ukuba umyeni wakhe uyakrexeza kodwa wayesoyika ukuthetha ngenxa yokuba umyeni wakhe ungumntu onomsindo. “Akanamsebenzi. Unengxaki yokusela utywala kunye nokutshaya, kwaye asikwazi ukondla umntwana kunye nokubhatalela indlu,” litshilo eli nenekazi lisoneka iingxaki zalo eluntwini ngethemba lokufumana uncedo.
Uqhube wathi, “Asinamali ingako kwaye sigxothiwe kwindawo besihlala kuyo kuba besingasenamali yerenti. Ngenxa yobunzima bemali mna naye siye sahlala kumzi kamama wam ongumhlolokazi. Iphelile inyanga ngoku kwaye sihlala kwigumbi leendwendwe.”
Uthi umama wakhe ubaxhasa ngemali kunye nomntwana wabo. Udize ukuba kutsha nje ebemane ezikhupha abethwa ngumoya nabahlobo bakhe kuba eziva ingathi khange alifumane ithuba lokuphuma kakhulu njengoko ebesonasa umntwana wakhe ixesha elide.
Ubalise wathi ngenye imini wabuyela ekhaya emva kokuphuma nabahlobo waza weva ingxolo evela kwigumbi lokulala likamama wakhe, xa eyojonga, wabona umyeni wakhe nomama wakhe bematasatasa ebhedini.
“Umama wazama ukundicacisela ngendlela awayenesithukuthezi ngayo oko utata wam waswelekayo. Andizange ndihlale ndimamele yonke into awayeyithetha ndahamba nomntwana wam.”
Uthi ukusukela oko kwenzeka esi sehlo, uye wayokuhlala kwindlu yetshomi yakhe wahamba nomntwana wakhe kwaye ebengahoyi neminxeba kamama nomyeni wakhe.
Wongezelela ngelithi, “Ngenye imini umyeni wam wafika ecela ukuthetha. Emva kwethuba lokuzithethelela, wandixelela ukuba umama ukhulelwe. Ndamgxotha kwaye ndisothukile. Andazi ukuba mandithini. Bendiziphepha naziphi na iingcinga malunga noku kuba uxinezeleko lusenokwenzakalisa usana lwam olungekazalwa kunye nomntwana wam.”
Eli nenekazi lithe alinakuxhomekeka kubahlobo balo kwaye alinalo olunye usapho olunokulinceda ngaphandle kukanina. “Kodwa ukungcatshwa kubuhlungu, ingakumbi ngowam umyeni nomama wam. Abantwana bam bafanelwe ngutata,” utshilo.
UNabi ufuna abadlali abavutshiweyo, hayi imiqheliswa kwiChiefs!