UMondeka Khoza esilela umgidi wonyana wakhe eCofimvaba - apho wayendele khona. Umfanekiso: Uthunyelwe
Kwiminyaka yakudala kwakungabikho xhala xa amakhwenkwe esiya esuthwini ngoba abantu babesenza izinto zabo ngenkathalo, ngokubambisana nangentlonipho.
Inkwenkwe yayisiya, iphinde ibuye iphilile. Kwakungaxokwa xa kusithiwa umkhwetha akafi. Kule imihla, izinto azisafani nakuqala. Abakhwetha babuya esuthwini bephethwe ngeebhokisi abanye beziingxwelerha ezihambayo.
UMondeka Khoza waseQonce ebelizibazana kwiinyanga ezidlulileyo. Ligama ebezibiza ngalo nabanye abantu abasambiza ngalo nasemva komgidi. Mhlawumbi indlela awuhombele ngayo umsebenzi wonyana wakhe ukusukela ekungeneni ukuya ngomhla wokubuyela kwakhe ekhaya.
Phambi kokwaluka konyana wakhe, uMondeka uthi yayingathi zeza ntsuku zokumzala kwakhe. “Andifuni ukuxoka, bendisoyika phambi kokwaluka kwakhe unyana wam ngenxa yeezinto esiziva ezindabeni,” utshilo uMondeka owayekade engumfazi waseMantakwendeni, eCofimvaba.
Nakubeni kunjalo – kodwa uMondeka uthi wazixelela ukuba makayonwabele indlela yomntana wakhe ngoba ngeke aphinde ayihambe. Uthi amalungiselelo aqala ngokuthetha noyise womntana owaya kowabo kwaze kwalandela ibhunga eMantakwendeni nasebantwini bokuhlala.
“Ndathetha noYise mna, yena wayokuxela ekhayeni lakhe eCofimvaba,” utshilo uMondeka othi wayenalo ixhala. “Phambi kokwaluka kwakhe, bendisoloko ndisithi makuthethwe naye ngoobhuti abahlobene nam. Bendifuna kungabikho nto ehamba kakubi ngoba bekungekho nto endiyaziyo,” utshilo uMondeka, obebizwa yilali yonke ngegama elithi “Zibazana”.
Le ntokazi yaseLuphondweni, eQonce, ithi ibilala isothuka ngenxa yexhala. Yangena inkwenkwe emva kokugqiba kwayo ukubhala. Walandela naye uMondeka waya apho wayendele khona ngoba ebefuna kwenzeke yonke into ekhona.
“Bendikhona emsebenzini wakhe wade wayophela. Zininzi izinto ebendingazazi ngoba ulwaluko bendilujonga ndikude. Abantu baye bavuyele umgidi kanti phambi kwawo, zininzi izinto ezenzekayo. Ndacaciselwa ngabantu bekhaya lakhe (umntana) inkqubo, wonke umntu wayazi indawo yakhe.
“Kuhle ukwazi ngoba kwenza umsebenzi khaphukhaphu kwenze lula nokuhlonipha inkqubo. Ndaxelelwa ukuba ndingasondeli embizeni yokutya komkhwetha futhi ndingahlambi kude kuphele iintsuku ezisixhenxe. Bendihloniphile kwade kojiswa.
“Bekumnandi futhi kungekho nento endikhathazayo ngoba umsebenzi ubusenziwa ngabantu abamkhathaleleyo umntana wam. Xa wolusile, ukuthetha nabantu bekhaya kubalulekile. Ikhankatha mayibe ngumntu olungileyo nawe uhlonele umsebenzi ngendlela ekwenziwa ngayo likhaya,” utshilo uMondeka, osenemincili emva kokuhamba kakuhle komsebenzi wonyana wakhe kwinyanga ephelileyo.