UMpumezo Mgandela (23) oyimodeli yaseNew Brighton eGqeberha kwaye ukholelwa ukuba kufuneka kugxilwe kakhulu kukhuphiswano lokumodelisha lwamadoda. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Uninzi lwabantu lucinga ukuba ukhuphiswano loonobuhle lolwabafazi kuphela, kwaye amadoda athatha inxaxheba kulo ahlala egxekwa. UMpumezo Mgandela, 23, waseQaqawuli, eNew Brighton eGqeberha, uthi umakhulu wakhe nabantu belokishi yakhe bebecinga ukuba ugay nanjengoko babenxulumanisa kuphela ukhuphiswano loonobuhle nabasetyhini.
UMgandela uthi kuye kwanyanzeleka ukuba aveze iividiyo njengobungqina bokuba amadoda nawo ayakhuphisana kukhuphiswano loonobuhle. Le modeli iselula inenzondelelo ayizange ityhafe ekukhuphisaneni kukhuphiswano lokumodelisha nangona kukho iingcamango ezigwenxa edibana nazo. Kukhuphiswano lwakutshanje lweFace of Devotion Eastern Cape olubanjelwe eGqeberha, uthweswe iFirst Prince (indawo yesibini), nto leyo ibingumvuzo wokukhuthala nokunyamezela kwakhe.
“Ndiqale kulo nyaka uphelileyo ukungenela ukhuphiswano lokumodelisha. Ndaqala ngokungenela uMr and Miss Cultural Eastern Cape ndanguMr Cultural Eastern Cape First Prince 2022. Zininzi izinto endizithandayo ngokumodelisha ngoba ndibonisa ubundim, ndiyazingca ngobundim nangomzimba wam. Ndakha ubuhlobo, ndiyafunda nakwabanye abangenele ukhuphiswano kunye nokubaneenkumbulo ezintle,” utshilo uMgandela.
UMgandela uthi enye into ebangele ukuba abeyimodeli kukuba ngumzekelo omhle koontanga bakhe. Ngenxa yoko, uye waseka iqela elithi “Man's Talk”, apho amalungu axoxa kwaye anikane iimbono malunga nendlela yokwenza uluntu lube ngcono. Eli qela likwancedisa abafana ukuba bazikhwebule kulwaphulomthetho nokusetyenziswa kweziyobisi.
Badibana eNew Brighton ngeMigqibelo. “Senza okungakumbi kunokuncokola nje; sikwadlala imidlalo yeqonga, umdaniso nomculo. Sikwabonelela ngoncedo kwabo bafuna ukuqala ishishini.
“Kweli cala ndihlala kulo luninzi ulwaphulomthetho kunye neziyobisi ezigqiba ulutsha, kungoko kukho “iMan's Talk” apho siye sibaxelele ubungozi bobugebenga kunye neziyobisi. Sikwasebenza kunye nabasebenzi bezentlalo xa umntu efuna uncedo lwengcali. Umzekelo xa umntu efuna ukuya kwiziko lokubuyela kwisimo sangaphambili,” wongeze watsho uMgandela.
Uthi ukukhula kwakhe notata ebengumzekelo omhle kuye kwamnceda waba ngulo mntu anguye ngoku. “Utata wam uBathembise Bhuqwana - okokuqala, ndingulo mntu ndinguye ngenxa yakhe. Wayeqinisekisa ukuba usapho lwakhe lunayo yonke into kwaye wandifundisa into endingasoze ndiyilibale: Wayesithi intombi okanye ibhinqa alibethwa, ukuba ubetha umfazi awuyondoda. Indoda iyakhusela ayitshabalalisi, indoda yiyo eyakhayo ayimoshi, umntu yindoda ngezenzo zakhe,” utshilo.
Ufuna ukuba ukhuphiswano lwamadoda lubonakale ngakumbi ukuze abantu abaninzi bazibandakanye nabo.
Ucebisa amakhwenkwe namadoda afuna ukukhuphisana kukhuphiswano lokumodelisha kodwa esoyika ukugxekwa ngabantu. “Okokuqala, abantu soze bayeke ukuthetha. Awusoze uye kude ukuba wenza izinto ngenxa yabantu. Lixesha lokuba wenze into oyifunayo, ube nguwe, kwaye ubayeke bathethe.
“Bamba intloko yakho phezulu kwaye wenze into yakho. Wonke umntu unokumodelisha; hlala ukhumbula ukuba iinzame zihlala zihlawula kwaye ungaze unikezele. Nokuba abantu bayakugxeka, qhubeka. Qhubeka nje uqhubela phambili kwaye uThixo uya kukuvulela iingcango.”
UMgandela usebenzela uPhuhliso loLuntu njengomsebenzi wokunakekela abantwana nolutsha. Ukuze akwazi ukufunda ngezilwanyana kunyaka olandelayo, kungoku nje uphucula amanqaku akhe kwiPhysical Science naweLife Science. Ukongeza, unethemba lokuphumelela uMr SA kunye noMr Universe kwiminyaka ezayo.
Ngaphandle kokuphumelela kwakhe ngoku, uphumelele uMr Photogenic (indawo yesibini) ngo2022 kunye noMr Cultural Eastern Cape First Prince 2022 kunyaka nje omnye eyimodeli. Uza kumela iGqeberha kwiFace of Devotion kazwelonke ngomhla wesithoba kweyoMnga 2023.