USihlalo weBhodi yeMDDA uProf Mathebula ethetha kumbhiyozo weminyaka engamashumi amabini (20) weMDDA. UMFANEKISO: SIYABULELA DUDA/GCIS
I-Media Development and Diversity Agency (MDDA) ibambe umsitho wokubhiyozela iminyaka engamashumi amabini yasekwayo ngoLwesibini, umhla weshumi elinesithathu kweyeSilimela kwiHotele iPremier ICC eMonti phantsi komxholo othi, “iDemokhrasi neyantlukwano: Sibhiyozela iMinyaka engama-20 yokuFikelela kuLwazi kunye neNkululeko yaMajelo osasazo ngokusebenzisa amajelo osasazo oluntu.”
Umbhiyozo ubonise ukubaluleka kokuzinza kweendaba zoluntu, ukufikeleleka, kunye nokuphuhliswa kokubambisana koluntu ngokusebenzisa amajelo asekuhlaleni, phakathi kwezinye izihloko eziphambili ezinxulumene neendaba kunye nemingeni. Kuyo yonke le minyaka ingamashumi amabini ikhona, iarhente ibonelele ngenkxaso-mali kuluntu olwaluhlelelekile ngaphambili.
I-arhente yasekwa ngo-2003 kwaye yaqala ukubonelela ngenkxaso-mali kwiiprojekthi ngo-2004. Lo msitho wawubandakanya abachaphazelekayo abohlukeneyo, kwaye ingxoxo yayigxile kwisigunyaziso sayo sokuqhubeka nokusebenza ukulungisa ukujongelwa phantsi kunye nokukhutshelwa ngaphandle kwamaqela ahlelelekileyo kunye nabantu abakhubazekileyo ekufikeleleni kumajelo eendaba kunye neshishini leendaba.
Indima yoluntu
Enye yezinto ebekuthethwe ngazo ibiligalelo loluntu kwinkqubela phambili yedemokhrasi yosasazo loluntu. UNobhala Jikelele weNdibanisela yeeNGO zoMzantsi Afrika, uMongameli Peter, uthethe ngemfuneko yokuba uluntu kunye namacandelo amaninzi anike ulwazi olufanelekileyo olujongene neengxaki zesizwe.
“Uqoqosho olumanyeneyo luyafuneka ukuze kuhlangulwe abantu abatsha kwintswelo-ngqesho. Ukuze kuliwe ulwaphulo-mthetho okanye kuthethwe neenkokeli zemibutho nemibutho ezisebenza kwiimbumba zoomasipala, kufuneka kubekho iinzame ezihlangeneyo,” utshilo uPeter.
Uqhube wathi umxholo kufuneka ujongane nokuphelisa ubukholoni kwemfundo.
“Ukujongana neGBVF kufuneka kubekho iinzame ezingundoqo. Uluntu kufuneka lubonwe njengentsebenziswano ekhuthazayo ekusasazeni umxholo wophuhliso lwecandelo kwiindawo zethu zokuhlala. Kufuneka baqalise amanyathelo abonakalayo okukhusela uluntu lwethu kwimingeni, efana nokufuna ukuphendula ngonikezelo lweenkonzo.
“Kufuneka baqinisekise ukuba amajelo osasazo asekuhlaleni awasetyenziselwa ukuziphindezela ngamatshantliziyo ezopolitiko abangonwabanga kunye nabanye abalwela amalungelo abantu.”
UPeter uphinde wagxininisa indlela ekubaluleke ngayo ukuba uluntu luthathele ingqalelo amajelo eendaba asekuhlaleni njengabanye babathathi-nxaxheba abaphambili ekudaleni imisebenzi. Udize ukuba xa kuthethwa ngamashishini adala amathuba amaninzi emisebenzi eMpuma Koloni, amajelo eendaba akwindawo yesine emva kwecandelo lezemveliso.
Amajelo osasazo oluntu kwixesha ledijithali
Ukusebenza kwamajelo amadala kwixesha ledijithali sisihloko sengxoxo eqhubekayo. UNobhala Jikelele weNCRF uThabang Pusoyabone ukhuthaze amajelo eendaba ukuba amkele ixesha ledijithali. Ukholelwa ukuba unomathotholo unekamva kwixesha ledijithali. “Itekhnoloji kufanele ibe yenye yezona zinto ziphambili ekuqhubeni ishishini lesikhululo sosasazo lwasekuhlaleni. Kufuneka ukwazi ukuqhuba isikhululo sikanomathotholo naxa ungekho elizweni,” utshilo.
Isidingo sokuba uluntu lube nelizwi asithintelwa lixesha ledijithali, ngokutsho kowayesakuba yiNtloko yeMDDA uLumko Mtinde. “Xa kwavela amajelo eendaba edijithali, amajelo eendaba amadala aziva ngathi banokhuphiswano. Olu khuphiswano aluyomfuneko; konke okufuneka sikwenze kukudala imodeli yoshishino oluzinzileyo ukuze siqhubeke nokufikelela kwiintlobo ezahlukeneyo zeendaba kwixesha elizayo. Sibene kamva apho uluntu kumanqanaba asezantsi luqhubeka ukuba nelizwi,” utshilo uMtinde.
Phezu kweenzame zokwenza ukuba umxholo ufikeleleke ngakumbi, abo bahlala ezilalini basafumana ubunzima bokufumana ulwazi. Amajelo osasazo oluntu, ngokutsho kweGosa eliyiNtloko yeNYDA, uWaseem Carrim, abalulekile ekwenzeni lula ukufikelela kunye nokubonelela ngolwazi. Uthe iNYDA ibhengeza ngamathuba angama-20 000 kubantu abatsha ngonyaka, kodwa basasokola ukufikelela kwabona bantu bakude nabahlelelekileyo kuluntu lwethu.
“Ndingathanda ukubona imeko apho ezo nkqubo zipapashwa kuzo zonke iipotfoliyo zeMDDA, hayi nje iinkampani ezimbalwa zamajelo eendaba ezisekelwe kuluntu ekuhlaleni ukuze sifikelele kubantu abangabona bahlelelekileyo kuluntu lwethu. Mhlawumbi njengoko siqwalasela le minyaka ingama-20 izayo, kufuneka sicinge ngendlela esinokukhuthazana ngayo ukuze senze ngcono.”
UPamela Timakwe owaseka iphephancwadi ephuma kanye ngenyanga, iEastern Cape Women’s Magazine, ngomnye wabaxhamle kwinkxaso-mali yeMDDA. Eli phephancwadi ligxile kumanina asezilalini eMpuma Koloni.
“Ukubhala ngamava abantu basetyhini basezilalini ngumsebenzi wam. Thina kwiEastern Cape Women’s Magazine sibhiyozela idemokhrasi, iyantlukwano, uphuhliso, nokufikelela kulwazi njengoko sibhiyozela iminyaka engama-20 yeMDDA. Sikwanayo nenkululeko yokuthetha kuba siyakwazi ukubhala ngalo naluphi na ulwimi esilufunayo nesiluqondayo,” utshilo.
Le phephancwadi yasekwa ngo-2007 ngulo mxhamli owazalelwa eNqaku, ze iMDDA yaxhasa ngemali eli phephancwadi ngo-2010. Ubalule imicelimngeni ejongene namajelo oshicilelo. “Siphulukene nenani leentengiso, kwaye kufuneka sibe nobuchule ngakumbi kwaye senze iinzame zokuvelisa umxholo wasekuhlaleni ukuze thina [amajelo osasazo] sizigcine,” utshilo.
Ngokumalunga neengxoxo malunga nokuba amajelo okushicilela aya kusinda kwixesha ledijithali, uTimakwe uthi ngenxa abanye abantu bengakwazi ukufikelela kwi-intanethi kwaye abanye bengena mali yokuthenga idatha yeselula lonto iqinisekisa ukuba imarike yeendaba zokushicilela izohlala ikhona oko.
I-MDDA yasekwa njengentsebenziswano phakathi kukarhulumente woMzantsi Afrika kunye namaqumrhu abalulekileyo oshicilelo nosasazo ukunceda ekukhuleni kamajelo eendaba oluntu namajelo eendaba amancinane orhwebo eMzantsi Afrika. Le arhente ikhuthaza kwaye iqinisekisa uphuhliso nokuhlukana kwamajelo eendaba.
Ukususela ekusekweni kwayo le arhente ixhase iiprojekthi zeendaba zoluntu ezingama-586. Eli nani liquka amaphulo osasazo oluntu angama-321 aquka izikhululo zikanomathotholo zasekuhlaleni kunye nezikhululo zikamabonakude zasekuhlaleni, kunye neeprojekthi zoshicilelo zasekuhlaleni ezili-185 eziluhlobo lwamaphephandaba oluntu, iiphephancwadi zasekuhlaleni, kunye neeprojekthi zoshicilelo ezincinci zorhwebo.