UVusi Kunene odlala indawo kaJack Mabaso noPearl Monama odlala indawo kaS’phesihle ‘Sphe’ Cele kwiGenerations: The Legacy. Umfanekiso: SABC
Ubuya kwabafileyo! Umdlalo kamabonakude kuSABC 1, iGenerations: The Legacy ubhengeze ukubuya kukaVusi Kunene odlala indawo kaJack Mabaso. Kulindeleke ukuba avele kumabonakude wakho kule nyanga ngomhla we14 kuAgasti 2024.
Eli gqala lomdlali kamabonakude lisanda kushiya kumdlalo kamabonakude iHouse of Zwide odlala ku-e.tv. Ebedlala indawo kaFunani Zwide kulo mdlalo kamabonakude. Ubuyela kwiGenerations: The Legacy emva kokuba emke ngoMatshi ka2021 apho uJack uye wabulawa ngokungenalusini.
Ngoku ubuyile kwabafileyo. Ethetha ngokubuya kwakhe, umvelisi ophezulu walo mdlalo kamabonakude uMfundi Vundla uthi, “UVusi Kunene ngomnye wabadlali kamabonakude ababalaseleyo ngenene. Uzakuthi gqolo enyusa izinga lomdlalo kamabonakude wolonwabo eMzantsi Afrika nangaphaya, esikhumbuza ngendlela iGenerations engumdlalo obalaseleyo.”
URussel Savadier ongumlawuli wokukhetha abadlali kamabonakude uthe: “Omnye wemibuzo emikhulu kwiGenerations: The Legacy uyaphendulwa ekugqibeleni. “Ingaba ubhubhile, okanye akabhubhanga?” Ndivuya njengaye nabani na umntu ukuba uyaphila [uJack] kwaye ubuyela kulo kumdlalo wethu kamabonakude. Ukubuyela kukaVusi Kunene kulo mdlalo kamabonakude kuza kugcina ababukeli bethe ntsho ezitulweni zabo.”