Inkulumbuso yeMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane.
Inkulumbuso yeMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane uzigxekile izenzo zolwaphulo-mthetho ezikhohlakeleyo nezingenalusini ezijoliswe kumanina nabantu abasesichengeni ezixelwe eMqhekezweni ngaphandle kwaseMthatha kuMasipala weSithili saseO.R Tambo.
“Siyazigxeka kabukhali ezi zenzo zobundlavini bezigebenga ezixhaphaza amanina, abantu abadala, nabantu abasesichengeni ekuhlaleni. Ezi zenzo zolwaphulo-mthetho azamkelwa kuluntu lwethu.
“Siphinda sibongoza uluntu ukuba lusebenzisane namagosa omthetho, lunike ulwazi olunokuthi lukhokelele ekufumaneni nasekubanjweni kwaba baphuli-mthetho, kwaye baqinisekise ukuba baziswe phambi kweenkundla,” itshilo iNkulumbuso.
Ingxelo yeSithethi seNkulumbuso yaseMpuma Koloni uKhuselwa Rantjie ithi uMabuyane ukwamkele inyathelo elikhawulezileyo likaMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uLieutenant General Nomthetheleli Mene othe wathumela iqela lePolice Order Policing ukuze kunqandwe iziganeko zokuqhekezwa kwezindlu phakathi kwezinye iziganeko.
Kuvakala ukuba oku kuthunyelwa kweli qela sele kuneziqhamo nanjengoko iSAPS kwiveki ephelileyo ibambe indoda eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala, nobandakanya kumatyala amabini odlwengulo asuka kwindawo yaseMqhekezweni kwaye iNkulumbuso icele abezobulungisa ukuba baqinisekise ukuba umrhanelwa utshutshiswa ngokufanelekileyo.
INkulumbuso ikwamkele isibindi kwakunye nokubandakanyeka ngamandla kweenkokeli zemveli ekufumaneni nasekuxeleni ezi ziganeko, kuquka ukunika inkxaso kwabo bathe baphathwa ngenkohlakalo.
“Bendifumana amagqabantshintshi ngqo kwiinkokeli zemveli ezixhalabileyo ngemeko yolwaphulo-mthetho kwindawo yazo kwaye iofisi yam izakuqhubekeka inxibelelana neeofisi ezifanelekileyo ukunyanzela ukuba abomthetho bathunyelwa kule ndawo ukukhusela uluntu kobundlavini kuphandwe ngeziganeko ezixeliweyo,” utshilo uMabuyane.
Ukwathe njengorhulumente bazimisele ukuncothula ulwaphulo-mthetho kwiphondo liphela ukuze abemi baphile ubomi babo ngesidima nenkululeko.
“Siza kusebenza ngokuzimisela de sibuyise uluntu lwethu kubugebenga nobundlobongela. Uluntu olungenabugebenga nalo lubalulekile ukutsala utyalo-mali kwiphondo lethu,” uvale ngalo mazwi.