Abanjwe ngentseni yangoLwesibini amadoda amane ekurhanelwa ukuba abulale amadoda amahlanu kwityotyombe eMfuleni, eKapa ngenjikalanga yangeCawe. Abarhanelwa abaminyaka ephakathi kwamashumi amabini anethoba (29) ukuya kumashumi amathathu anesihlanu (35) babekwe ityala lokubulala nokuba nemipu engekho mthethweni eneembumbulu.
Oku kuza emva kweenzame zecandelo lamapolisa eNtshona Koloni aphanda ngolwaphulomthetho olunobundlobongela exhaswa ngabasebenzi bobuntlola.
Isithethi samapolisa eNtshona Koloni, uBrigadier Novela Potelwa, uthe njengenxalenye yophando, ubuntlola obubalulekileyo bukhokelele eli qela kwindawo apho lafumana khona imipu emine – umpu oluhlobo lweRifle kunye nemipu emithathu eluhlobo lweePistols – kwakunye neembumbulu.
Le mipu ithinjiweyo iza kuvavanywa ukuze kubonwe ukuba yasetyenziswa na ukubulala la madoda mahlanu aseMfuleni okanye kolunye ulwaphulomthetho, utshilo uPotelwa.
Ukubanjwa kwabarhanelwa kunye nokuthinjwa kwemipu kuqhwatywelwe izandla ngabaphathi bamapolisa eNtshona Koloni, oku kubonwa njengeenzame zokunqanda iziganeko zolwaphulomthetho olunobundlobongela kweli phondo.
Abarhanelwa abane kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala.
Libuyela ngeyoKwindla iPolisakazi laseMonti elijongene nezityholo zobusela!