Ukusuka ekunene ukuya ekhohlo: uGronie Hluyo, Trevor Neethling noDanny Jordaan. Umfanekiso: Screenshot/YouTube
Izityholo zobusela ezibekwa uMongameli wombutho webhola ekhatywayo eMzantsi Afrika (SAFA) uDanny Jordaan kunye neGosa eliPhezulu lezeMali uGronie Hluyo zirhoxisiwe ngoLwesihlanu ngumbuso.
UJordaan noHluyo, kwakunye nomtyholwa wesithathu uTrevor Neethling bavele kwinkundla yamatyala orhwebo akhethekileyo ePalm Ridge eGoli namhlanje. UJordaan usajongene namatyala amathathu obuqhophololo kunye nelinye lokuqulunqa iyelenqe lokwenza ubuqhophololo.
Ummeli wombuso uMoagi Malebati uqinisekise ukuba umbuso ululungisile uxwebhu lwamatyala, warhoxisa amatyala amathathu obusela abekwa uJordaan noHluyo.
UJordaan wabanjwa ngenyanga yeNkanga ngo2024 ngezityholo zokusebenzisa imali engaphaya kwesigidi seerandi esuka kwiSAFA.
Lo Mongameli weSAFA ujongene nezityholo zokuqesha inkampani yokhuseleko yabucala ukuze azikhusele kunye ne’arhente yobudlelwane noluntu (PR Agency) ngaphandle kwemvume yebhodi yeSAFA.
UJordaan wanikwa ibheyile yeR20 000 kunye nabo atyholwa nabo uHluyo noNeethling.
Ityala lihlehliselwe umhla weshumi elinesihlanu (15) kweyeThupha kulo nyaka.