Abarhanelwa abathathu abayanyaniswa nodushe loonoteksi olwakhokelela ekugetyengweni kwabantu eMonti babanjwe ligqiza elijongene nokuthintela, ukulwa nokuphanda ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela eMpuma Koloni.
Ngokwesithethi samapolisa kuzwelonke, uBrigadier Athlenda Mathe, kukholeleka ukuba oku kugetyengwa kwabantu kwenzeke phakathi kweyeNkanga ka2023 ukuya kweyeThupha kulo nyaka ka2024 – apho kwadutyulwa abanikazi beeteksi ababini, umqhubi weteksi kwakunye nelungu lombutho weeteksi.
“Ababini kwabarhanelwa babanjwe kudederhu lweevenkile eMall of Africa, eMidrand, eGoli, ngoLwesihlanu umhla wesibhozo (8) kweyeNkanga 2024, ngelixa omnye wabanjwa eMonti ngoMgqibelo umhla wesithoba (9) kweyeNkanga 2024. Abanye abarhanelwa abane ababonwa kule vidiyo bathathiwe ukuze babuzwe imibuzo ngamapolisa,” utshilo uMathe.
Amapolisa akwathathe imipu emine kunye neAK47 kubarhanelwa. Le mipu iye yasiwa kuvavanyo lwemipu ukuze kufunyaniswe ukubandakanyeka kwayo kwezi ziganeko zokubulala kunye nalo naluphi na ulwaphulo-mthetho nobundlobongela.
Lo mba usaphandwa kwaye amapolisa athe awazukuphawula ngakumbi okwangoku.
Nantsi ividiyo ngethuba kubanjwa abarhanelwa ejikeleza kumakhasi onxibelelwano.
Amawele angamagqirhakazi aziwa njengeeNkonjane zooFaku azicelela iivoti