ISebe lezeMpilo liqinisekisa ukubhubha komntu wokuqala ngenxa yeMonkeypox

Bahlanu abantu abaqinisekisiweyo ukuba baneMpox (Monkeypox) eMzantsi Afrika, kwabhubha omnye eGauteng.

Isebe lezempilo kuzwelonke liqinisekisile ukuba abantu ababini abaneMpox baseGauteng, logama abantu abathathu beKwaZulu-Natal. Lo mntu ubhubhe eGauteng ngomnye waba bantu babini kubikwe ukuba baneMpox kweli phondo.

Namhlanje ngoLwesithathu uMphathiswa wezeMpilo, uGqirha Joe Phaahla, uthe lo mntu ubhubhele kwisibhedlele saseTembisa ngoMvulo.

Kuthiwa iintsana ezisanda kuzalwa kunye nabasetyhini abakhulelweyo basengozini enkulu yokosulelwa sesi sifo.

UPhaahla uthi esi sifo singabamaxongo, kwaye sikhokelela kwiingxaki kunye nokubhubha kwabanye abantu.

“Bonke abantu abaneMpox ngamadoda aphakathi kweminyaka engamashumi amathathu (30) namashumi amathathu anesithoba (39) ubudala abangenayo imbali yokundwendwela kwamanye amazwe. Ke le nto kuthi ithi sinosulelo lwasekhaya,” utshilo uPhaahla.

UPhaahla uthi omnye ukhululwe, omnye ukhululwe njengoko ehleliswe ekhaya ukuze angasasazi esi sifo kwaye uyalandelelwa ukuze abekwe iliso. Abanye ababini basesibhedlele.

Uthi iMpox sisifo esisasazeka phakathi kwabantu kwaye ngamanye amaxesha sisuka kwindawo esingqongileyo siye ebantwini ngezinto ezithe zaphathwa ngumntu oneMpox.

UPhaahla ukhuthaze abantu ekusenokwenzeka ukuba bebekhe badibana naye nabani na onesi sifo kwaye babonakalise iimpawu ezifana nezilonda esikhumbeni nerhashalala ukuba baye kumaziko ezempilo akufuphi kubo.