Zininzi izinto ezothusayo ezenzeka kwihlabathi jikelele ezipapashwayo – ezinye azipapashwa, elinye lamabali othusayo apapashwe kule veki leli.
Ingxabano emalunga nokucima izibane yakhokelela ekubeni elinye ibhinqa libulale uyise ngezembe lomkhenkce.
Lo wasetyhini, uCorey Burke, oneminyaka engama31, wenze esi senzo singenalusini kwiveki ephelileyo ngoLwesibini, nge5 kaNovemba 2024, ngokwengxelo yamapolisa aseSeattle eMelika.
Kuthiwa utata wakhe, uTimothy Burke, oneminyaka engama67, wayeneengxaki zempilo kwaye wayengafane aphume endlini, apho babehlala bobabini eRainier Valley, eSeattle.
Le ntombi yabekwa ityala lokubulala. Ngokutsho kwephephandaba laseMelika, iSeattle Times, amapolisa athunyelwa malunga nentsimbi yesibhozo ebusuku ngoLwesibini emva kokuba efumene iingxelo zokuba kukho umntu oqhekeza iifestile zendlu. Ipolisa labika ukuba uCorey waphuma endlini enegazi ebusweni bakhe. Uye wasiwa kwiziko lezonyango laseHarbourview ukuze avavanywe impilo yengqondo.
Kuthiwa amapolisa agqogqa indlu afumana umzimba walo tata, uTimothy, kwigumbi elingaphantsi, ibasement ngelasemzini. Amapolisa aphinde afumana izembe elisetyenziselwa ukukhwela umkhenkce liphantsi linegazi.
Lo tata ubenamanxeba entloko nasesiswini, ngokwengxelo yomvavanyi wezonyango waseKing County.
Ingxelo yamapolisa ithi kusuku olulandelayo esibhedlele, uCorey waxelela amapolisa ukuba wasebenzisa izembe ukubulala utata wakhe kwaye wamkrwitsha. Kuthiwa wayekholelwa ukuba kukho “into ebalulekileyo” malunga nosuku lonyulo, kwaye waziva esonganyelwe ziimvakalelo.
Le ngxelo iqhube yathi: “UCorey uthe xa uyise eqalisa ukuxabana naye malunga nokucinywa kwezibane, uthe ‘wasuka waphambana’.”
Kwingxelo yamapolisa, umcuphi uthe uCorey “akabonakalanga njengofanelekileyo ukuba azikhathalele, kwaye wayeyingozi kwindlu nakuye.”
UCorey uzakuvela kwakhona enkundleni ngoLwesine, umhla wama21 kuNovemba 2024.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!