Indoda ekutyholwa ukuba yazama ukudlwengula inkwenkwana enonyaka ubudala. Umfanekiso: RUSA
Inkwenkwana enonyaka ubudala kutyholwa ukuba iphantse yadlwengulwa sisalamane sayo esasisendlini emva kokuba le nkwenkwana ibinetheko lokubhiyozela usuku lwayo lokuzalwa eDurban, eKZN.
Ngokwengxelo yeReaction Unit South Africa (Rusa), oku kwenzeke ngentseni yangoLwesibini wale veki. IRusa yabizwa ngumama womntwana emva kokufumana le ndoda kwigumbi lakhe lokulala ize phezu kosana lwakhe.
Xa amagosa akwaRusa efika kwindawo yexhwayelo, athi afumene amanina aliqela, aquka umama womntwana kunye nomakhulu bebetha umrhanelwa.
“Kuthe xa kudliwan’ indlebe lo mama wachaza ukuba ngethuba encedisa intombi yakhe ukuba ilungiselele ukuya esikolweni, wangena kwigumbi lakhe waza wafumana le ndoda ikhulule impahla izama ukudlwengula unyana wayo,” itshilo ingxelo yeRusa.
Ingxelo ithi isalamane sasikweli khaya emva kokuzimasa itheko lokubhiyozela usuku lokuzalwa komntwana kubusuku obudlulileyo. Sacela ukuba sisebenzise indlu yangasese kwigumbi lokulala likamama [womntwana] ngaphambi kwesehlo.
Ngokokutsho kukanina womntwana, le ndoda ibihamba ze ukusuka esinqeni ukuhla, ihempe yayo iyinyusilele esifubeni.
Kuthiwa amagosa akwaRusa amnqanda lo mfo xa egrogrisa olu sapho bekhona. Waye wagqunywa ngetawuli. Le ndoda ibinamanxeba emlonyeni nasebusweni emva kokuba ihlaselwe ngamanye amanina aliqela kwindawo yexhwayelo.
AbakwaRusa bathi indoda ezichaze njengotata womntwana yazisa amagosa ukuba ilipolisa kwaye kutyholwa ukuba yathi ineenjongo zokuyilungisa le ngxaki ngaphakathi nosapho lwayo.
Kuthiwa amagosa akavumanga kwaye lo mba awugqithisa kumapolisa asekuhlaleni ukuba abhalise ityala.