Ziyenziwa iinzame zokubuyisela ekhaya imizimba yamajoni alishumi elinesine aseMzantsi Afrika abulawa kwimpuma yeDemocratic Republic of Congo (DRC) kwinyanga ephelileyo, iSebe lezoMkhosi liqinisekisile.
Inkqubo iqhutywa yiZizwe eziManyeneyo (UN). Kulo Mgqibelo uphelileyo, umkhosi woMzantsi Afrika (SANDF) uqinisekise ukuba imizimba yamajoni ifikile e-Entebbe, eUganda kwaye zonke iinkqubo eziyimfuneko ziyakugqitywa ungekadluli uLwesibini wale veki.
Kutshanje ooMongameli bamazwe noRhulumente weSADC kunye noMbutho waseMpuma weAfrika bavumelene ukuba badibane ngokukhawuleza emva kweengqungquthela zabo zokuxoxa ngendlela eya phambili malunga nemeko yokhuseleko eDRC.
Amajoni oMzantsi Afrika aseDRC njengenxalenye yephulo leSAMIDRC neMONUSCO lokuncedisa ekugcineni ucwangco kweli lizwe.
Iqela labavukeli beM23 ekutyholwa ukuba lixhaswa ngamajoni aseRwanda, lihluthe uninzi lommandla wempuma yeDRC. Le mfazwe ikhokelele ekubeni kubulawe amawakawaka abantu.
Imizimba kulindeleke ukuba ifike kule veki eMzantsi Afrika.
Nanga amajoni abhubhele eDRC