Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10

Incwadi kaLihle Mkhwambi ethi, “Yekabani le ngxaki?” Umfanekiso: Uthunyelwe

ULihle Mkhwambi, 17, ongumfundi kaGrade 10 kwisikolo iLutuka Senior Secondary School eNtshiqo kuTsolo, ubhale incwadi kwaye unethemba lokuba le ncwadi izakunika ithemba koontanga bakhe ukuba yonke into inokwenzeka kwaye bangaphumelela nantoni na ukuba basebenza nzima.

Le ncwadi nebhalwe ngolwimi lwesiXhosa inesihloko esithi, “Yekabani le ngxaki?” Ithetha neli phephandaba, le ntwazana ithe inethemba lokuba abantu abafunde incwadi yayo bayakwazi ukuthatha izifundo zobomi kubadlali abakule ncwadi.

Esixelela banzi ngale ncwadi, uthe, “Le ncwadi ithetha ngezibini ezitshatileyo ezibini ezijamelene nocelomngeni lokuzala abantwana abangamantombazana kuphela.

“Oku kuba yingxaki njengoko amakhwenkwe ebonwa ebalulekile njengoko egqalwa ‘njengeendlalifa,’ le ngxaki ubukhulu becala ibonakala iyingxaki yamabhinqa. Le ncwadi ikwathetha nangabafana abamithisa amantombazana aselula baze babaleke uxanduva lokuwanyamekela.”

Incwadi kaLihle Mkhwambi ethi, “Yekabani le ngxaki?” Umfanekiso: Uthunyelwe

Nangona uLihle esemtsha, ubonakalisa ukuqonda okungaphaya kweminyaka yakhe. “Zininzi iingxaki ezijongene nabantu abatshatileyo kwindawo esihlala kuzo ezifana neengxaki zokuzala ezibonakala ngathi zezabafazi,” utshilo esabelana ngenkuthazo yakhe yokubhala le ncwadi.

Nanjengoko uLihle engumfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo kwaye exakekile, uthi bekufuneka asebenzise iiholide neempelaveki ukuze enze ixesha lokubhala le ncwadi.

Eminye yemiceli mngeni athe wajongana nayo ngethuba ebhala le ncwadi iquka imiceli mngeni yokuyila malunga nabadlali abasencwadini. “Omnye umceli mngeni endajongana nawo yayilucelo mngeni lobuqu olufana nokugcina ukuthandabuza nokugxekwa ngabanye. Ndingatsho nokuqinisekisa ukuba ndibhala ngokwaneleyo njengoko ndinoxanduva lwezemfundo,” itshilo le ntwazana yakwaMkhwambi.

Ukwadize ukuba incwadi yakhe wayipapasha ngoncedo lukatitshala wakhe wesikolo samabanga aphantsi, uMnu. Iviwe Mathe athi wambonisa umsebenzi wakhe kuNksz. Mirranda Javu onguMlawuli weSizophila Publishers.

Nangona esenethemba lokubhala inoveli kwixesha elizayo, kwaye ebonakalisa umdla kuncwadi, ufuna ukuba kwicandelo lezonyango njengoko efuna ukufundela ubugqirha.

Utitshalakazi kaLihle, uNksz. Zenande Bambatha, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba nomfundi ofana noLihle liphupha layo nayiphi na ititshala. “Impumelelo yakhe indinika ibhongo, uvuyo kunye nokwaneliseka. Ukubona uthando lwakhe lokubhala lukhula lube yincwadi epapashiweyo kuyandikhuthaza kunye noontanga bakhe, ebonisa ukuba ukuzinikela kunye nokuyila kunokuphumeza izinto ezimangalisayo.

“Ukuphumelela kukaLihle njengombhali kundikhumbuza ukuba kwakutheni ukuze ndibe ngumfundisi-ntsapho ukuze ndixhobise iingqondo eziselula, ndikhuthaze ubuchule bokuyila nokubukela abafundi befikelela kwimpumelelo engaphaya koko bebekulindele. Impumelelo yakhe ivuselela ukuzinikela kwam ekukhuliseni italente nokukhuthaza isibindi sokwenza izinto kubafundi,” utshilo uNksz. Bambatha.

UNksz. Bambatha ukhankanye into ayifundileyo kuhambo lokubhala lomfundi wakhe. “Ngokubhala kukaLihle incwadi yedrama yesiXhosa ndiye ndaqonda amandla okufunda okugxile kumfundi, apho abafundi beqhuba ukukhula kwabo, ndiye ndaqaphela ukuba ukufunda yindlela emacala omabini – abafundi bam bandifundisa kangangoko ndibafundisa,” utshilo.

Kukwavakala ukuba le asiyoncwadi yokuqala epapashiweyo kaLihle le, njengoko enencwadi yemibongo eyapapashwa ngaphambili. UNksz. Bambatha uthi impumelelo kaLihle idlulisa umyalezo koontanga bakhe noluntu ukuba ulwimi lwenkobe lubaluleke kakhulu ukuze sigcine isiko lethu kwaye singalibali nalapho sisuka khona sisisizwe.

“Ndingakhuthaza abanye ootitshala ukuba basoloko bewakhuthaza amaphupha abafundi babo kwaye bakhe ukuzithemba kwabo ngokubhiyozela nolona loyiso luncinci lokubhala,” utshilo uNksz. Bambatha ecebisa abanye ootitshala.

ULihle ecebisa ababhali abasakhulayo, uthe, “Ndingacebisa ababhali abasakhulayo abanqwenela ukupapasha incwadi ukuba bafunde banzi, baphonononge iindidi ngeendidi zoncwadi kunye nababhali. Ndikwacebisa ukuba baziqhelanise nokubhala ngeendlela ezahlukeneyo baze babhale rhoqo, kodwa okona kubaluleke kakhulu kukuba bazikholelwe ngokwabo.”

Incwadi kaLihle iza kuphehlelelwa ngokusesikweni kwisikolo sakhe, iLutuka Senior Secondary School eNtshiqo kuTsolo ngomso, ngoLwesihlanu, we11 kweyeDwarha 2024. Kuthiwa uphehlelelo lwencwadi luququzelelwa sesi sikolo ngoncedo lwekomiti eququzelelayo (uMnu. Thwani, uNksz. Zilimbola noNksz. Bambatha) kunye nentloko yesebe leelwimi kwesi sikolo uMnu. Ngcisini.

Le ncwadi ixabisa iR100 kwaye iinkcukacha ezithe vetshe malunga nalapho ifumaneka khona ziya kwabelwana ngazo emva kokuphehlelelwa kwencwadi.