UMasipala ombaxa waseBuffalo City uqinisekise ukuba kukho umkhwetha omnye obhubhileyo emva kokuba kuqale ixesha lokwaluka lwasebusika kwiiveki ezidlulileyo.
Minyaka le ziintsapho ezingaphezu kwamashumi amahlanu ezithi zibhujelwe ngabantwana esuthwini ebusika nasehlotyeni.
Othethe egameni loMasipala ombaxa waseBuffalo City uSamkelo Ngwenya uthi baxhalabile linani lamaziko olwaluko akhoyo angekho mthethweni.
“Sinolwazi lokuba kwingingqi yaseMzamomhle kuphela kukho abakhwetha abangamashumi amabini anesine, uninzi lwabo abanazinkcukacha ezisemthethweni,” kutsho uNgwenya.
Ngamakhwenkwe angaphezu kwamashumi amabini abhubhe ngexesha lokwaluka lwasehlotyeni kunyaka ophelileyo eMpuma Koloni kuphela.
“Simemelela kubahlali ukuba baqinisekise ukuba amakhwenkwe afuna ukwaluka enza oko ehamba okanye enemvume yabazali babo,” kucacisa uNgwenya.
Kwiphondo laseLimpopo kuhlangulwe inkwenkwe eminyaka elishumi elinesibini esuthwini olungekho emthethweni. Kuthiwa bayaxhwilwa aba bantwana baze bathunyelwe esuthwini ngenkani ngeenjongo zokuba kusenziwa imali.
NgeCawe, isithethi seContralesa eMpuma Koloni, uZolani Mkiva, ungqinile ukuba abakhwetha ababini babhubhile eSajonisi naseNgqeleni.
Kuthiwa kubanjwe kwavalelwa amagosa aquka ingcibi namakhankatha amathathu ngenxa yesi siganeko. UNkosi uMpumalanga Gwadiso wendlu yeeNkosi eMpuma Koloni umemelela intsebenziswano phakathi kweentsapho, amapolisa kwakunye neeNkosi.
INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane umemelele ukungenelela kwamapolisa ukuphungula iziganeko zokubhubha kwabakhwetha.
“Ingalo yomthetho mayiqinise ukwenza umsebenzi, ukuze kuphungulwe amanani wabantwana ababhubhela esuthwini,” kutsho uMabuyane.
UNgwenya uqhube wathi, “Amadoda asekuhlaleni mawancedisane nathi ukuqwalasela imeko yengqondo yomntwana ofuna ukwaluka nezinye ke iimeko eziqinisekisa ukuba umntwana uphilile ngenene.”
Inkwenkwe exhwilwe yaluswa eLimpopo ifunyenwe kwiziko lokwalusa elise Rhawutini. IiNkosi noninzi lwamadoda aluvumi ukwamkela ukuba luyasilela ukukhangela iingxaki okanye isisombululo kwingxaki yokubhabha kwabantwana esuthwini.