UMphathiswa uZoleka Capa ethetha namafama eKomani.
Usekela Mphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle uZoleka Capa uthi amanina asatyhalelwa bucala kumcimbi wobunikazi bomhlaba eMzantsi Afrika. UCapa uthethe oku ngethuba ebethetha namafama eKomani kwinkqubo eyandulela Imbizo kaMongameli uRamaphosa ezakuqhutyelwa eTsomo.
“Kwezinye zeengxaki ezichaphazela amanina kumcimbi wokulima kukuba amanina awanamhlaba, yonke into isezandleni zamadoda,” utsho uCapa. Amafama aphuma kwimbombo zone zesithili saseChris Hani ajikajike uCapa ngemibuzo, izikhalazo nezincomo kumcimbi wokulima nokufuya.
Lo sekela Mphathiswa ebephelekwa nguMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni uNonkqubela Pieters. “Amanina ngawo ajijisana nomsebenzi wokulima nokufuya kumakhaya, kodwa amakhadi weenkomo abhalwa utata wekhaya, umhlaba nawo ubhalwa ngotata wekhaya,” ugadlele watsho uCapa.
Oku kungqinela iingxelo ezininzi ezibonisa ukusilela kwamanina ukufumana amathuba kwezolimo nokwabiwa okanye ubunikazi bomhlaba. UCapa uthi iingxoxo eziza neenguqu maziyeke ukuqhutywa ezidolophini mazenziwe ezilalini. “Izolo oku bekuthethwa izinto ezichaphazela amanina, ezo zinto zixoxwa engekho amani asezilalini, nangoku amanina athile akwiimeko ezingafaniyo namanina asezilalini,” kutsho uCapa.
Lo kaCapa ngomnye wabaphathiswa abanamava ingakumbi kumsebenzi owenziwa liSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle. “Kumele ukuba itshintshe imeko yobunikazi bomhlaba ingakumbi ezilalini amanina abenobunikazi kuba angene ngamandla kwezolimo nokufuya,” utsho uCapa.
Engqina oku uMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni uNonkqubela Pieters uthi, “Sijikeleze apha ephondweni sinikisa ngeembasa kumanina ahamba phambili kwezolimo ngokwezithili zawo, ngoku sizakukhupha iimbasa zephondo ingaphelanga lenyanga,” utsho uPieters. La manina athi kufuneka inguqu engxamisekileyo ukuze kubekho umhlaba, nemfuyo ebhaliswa ngamagama amanina.
“Kumaxesha angaphambili ngamanina abantu ebebekhathalela imfuyo yemizi yabo amadoda engekho esezidolophini, beziqhuba kakuhle isivuno nemfuyo ngokunjalo,” kutsho uCapa.
Esinye sezikhalazo eziphambili kumafama kukungazaliswa kwezithembiso ezenziwa nguRhulumente. Nangona kunjalo amafama ayabulela ngezinye zezinto azifumanayo kuRhulumente.
URamaphosa uzakuba ethetha nabantu beMpuma Koloni eTsomo eqhubela phambili iinzame zakhe zokuphucula iinkonzo ezinikwa uluntu.