Iindaba

Amapolisakazi amabini ankule inkosikazi abanjiwe

Cwayita Nondula|Published

Amapolisa amabini ngethuba ebetha inkosikazi. Umfanekiso: Uthathwe kwividiyo/Screenshot

Amapolisa amabini ngethuba ebetha inkosikazi. Umfanekiso: Uthathwe kwividiyo/Screenshot

Amapolisakazi amabini akwinqanaba likaConstable noSajini ababonwe kwividiyo endanda kumakhasi onxibelelwano bebetha owasetyhini kwisikhululo samapolisa eHeidedal eBloemfontein, babanjwe namhlanje licandelo elizimeleyo lophando lwamapolisa (IPID).

Isithethi seIPID uLizzy Suping uthi kutyholwa ukuba inkosikazi eneminyaka engamashumi amane ubudala yabethwa ngala mapolisa kulandela ukungaboni ngasonye okwakhokelela ekubethweni kwakhe ngaphakathi kwisikhululo samapolisa.

Ingxelo ithi ixhoba kutyholwa ukuba belifuna amapolisa angenelele emva kokuba isithandwa salo sophule umyalelo wokhuseleko, iprotection order ngelasemzini.

Ngenxa yesi sehlo kuthiwa ixhoba lonzakele emzimbeni. La mapolisa mabini avalelwe kwisikhululo samapolisa sasekuhlaleni kwaye aza kuvela okokuqala enkundleni ngomso, ngoLwesihlanu kwiNkundla kaMantyi yaseBloemfontein.

Amapolisakazi amabini ankule inkosikazi abanjiwe