Emva kwevidiyo ejikeleze kumakhasi onxibelelwano yenkwenkwana eneminyaka emine ubudala eyaphathwa ngokungekho sikweni nguSanta Claus eMonti, amapolisa akwisikhululo samapolisa eGonubie agqibe kwelokuba enzele abantwana into ekhethekileyo.
Le vidiyo nesele isasaza kumakhasi onxibelelwano ibonisa indoda emhlophe enxibe njengoSanta Claus ingahoyi inkwenkwana eyayiqhubeka izama ukuhoywa ngokukhwaza uSanta, ngoxa uSanta ehoye abanye abantwana.
Umama wale nkwenkwana, uBusisiwe Jemsana-Mantashe uthe kwikhasi lakhe likaFacebook ujonge ukungenisa isikhalazo esisemthethweni kwiKomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi Afrika ngenxa yesi sehlo.
“Akunakwenzeka ukuba kwiminyaka engama30 yentando yesininzi ndibe nonyana wam ade ahlazeke ngolo hlobo. Kwakhona naluphi na uxolo oluthi; ‘ndiyaxolisa ngendlela ozive ngayo’ ayikuko ukucela uxolo, uSanta makaxolisele isimilo sakhe sobuhlanga esindenze ndaziva ngolu hlobo,” utshilo uJemsana-Mantashe.
Uqhube wathi, “Asifanelanga ukuba sithule malunga nocalucalulo kuluntu lwethu. Ekuphela kwexesha awayehoye ngalo abantwana bam kunye naye nawuphi na omnye umntwana ontsundu kwakuxa kwakunikezelwa izipho apho wonke umntwana wayehleli ethangeni lakhe ngenxa yoku.”
Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi amapolisa ekunye nabachaphazelekayo bangaphandle bekhokelwa nguMkomishinala wesithili saseBuffalo City, uMajor General Christopher Wright, kunye nelungu lePalamente uHelen May, batyelele ikhaya lale nkwenkwana eneminyaka emine ubudala ngoLwesibini umhla wama31 kweyoMnga 2024 eGonubie, eMonti. Elinye lamapolisa lalinxibe njengoSanta Claus laza lenza utyelelo lwesiquphe kwikhaya lale nkwenkwana.
“Imincili yayibhalwe ebusweni bakhe njengoko amapolisa ayesondela kwikhaya lakhe, yaye waphuma ebaleka waza wawongwa nguSanta Claus. Ibilusuku olumnandi kuye nodade wabo, baphiwa izipho nguSanta Claus, kwaye babechwayitile,” utshilo uMawisa.
Kuthiwa eli qela likwalule izandla kubantwana abangathathi ntweni abaphuma eA Section kwilokishi yaseMzamomhle, eGonubie, nalapho bethe banikezela ngokutya neempahla kubantwana abasweleyo.
Inkqubo kamabonakude entsha ekhangela abaduka bashiya izinqandamathe zabo