Iindaba

Amapolisa aphanda ngokutshiswa kweeteksi kwirenki yaseNyanga

Cwayita Nondula|Published

Iiteksi zitshatyalaliswe ngumlilo eNyanga, eKapa. Umfanekiso: Gallo Images/Brenton Geach

Iiteksi zitshatyalaliswe ngumlilo eNyanga, eKapa. Umfanekiso: Gallo Images/Brenton Geach

Amapolisa aseNtshona Koloni aqinisekise ukuba kubekwe amapolisa ongezelelweyo kwirenki yaseNyanga kulandela isehlo sokutshiswa kweeteksi ngobusuku bangeCawe.

Iividiyo zokutsha kwezi teksi zisasazwe kumakhasi onxibelelwano kwaye kukho iingxelo zokuba esi siganeko singayanyaniswa nodushe loonoteksi.

Isithethi samapolisa eNtshona Koloni, uBrigadier Novela Potelwa, uthi amapolisa nabeenkonzo zomlilo baye babizelwa kule renki yeeteksi emva kokubonakala komlilo ovuthayo uphuma kwezinye iimoto.

Iiteksi zitshatyalaliswe ngumlilo eNyanga, eKapa. Umfanekiso: Gallo Images/Brenton Geach

“Iingxelo zikwathi iiteksi ezintathu zitshatyalaliswe kwaphela kwaze konakaliswa iiteksi ezilishumi elinesithathu ngenxa yalo mlilo ophandwa ngamapolisa. Ityala lokutshisa liyaphandwa ngabacuphi bamapolisa kwaye akukabanjwa mntu okwangoku,” utshilo uPotelwa kwingxelo.

Ethetha nejelo leendaba i-eNCA, uSihlalo webhunga likazwelonke leeteksi zeli (SANTACO) uMandla Hermanus ubongoze abomthetho ukuba benze konke okusemandleni abo ukuqinisekisa ukuba nabani na owenze oku uyabanjwa kwaye ajongane nengalo yomthetho.

Iiteksi zitshatyalaliswe ngumlilo eNyanga, eKapa. Umfanekiso: Gallo Images/Brenton Geach

“Sinentlanganiso nequmrhu eliphantsi kwalo mbutho emva koko baza kusinika umkhombandlela.

“Njengenxalenye yale nkqubo siza kumema uMphathiswa wePhondo ukuba naye angenelele kuba le nto mayincothulwe neengcambu, asikwazi ukuba neeteksi ezitshiswa ngolu hlobo ngo2025. Le yinto eyayisenzeka kudala kwishishini leeteksi, asiyondlela esinokuqhubela phambili ngayo le,” utshilo uHermanus.

Iiteksi zitshatyalaliswe ngumlilo eNyanga, eKapa. Umfanekiso: Gallo Images/Brenton Geach

UHermanus ukwathe urhanela ukuba esi sehlo sinokunxulunyaniswa nokufumana imali ngezigrogriso kunye nokulwa okwenzeka ngaphakathi ngemali, kodwa abaqinisekanga de bafumane ingxelo efanelekileyo.

UPotelwa uthi amapolisa azakuhlala kule ndawo de izinto zizole. Irenki yeeteksi isasebenza ukuze abakhweli bayisebenzise.

BUKELA | Ziliqela iiteksi ezitshisiweyo eNyanga eKapa. Iingxelo zithi oku kuyayanyaniswa nodushe loonoteksi. 🎥: Crime Watch

Posted by Ilisolezwe on Sunday, February 9, 2025