Ongasekhoyo uSam Nujoma.
UMongameli wokuqala wentando yesininzi eNamibia, uSam Nujoma, akasekho emhlabeni emva kokuba ebengeniswe esibhedlele isithuba seeveki ezintathu. Ukubhubha kwakhe kuqinisekiswe nguMongameli wela lizwe uNangolo Mbumba, nathe wenza isaziso esisemthethweni ngeCawa emva kwemini.
UNujoma wakhokela iinzame zomzabalazo wokukhululwa kwela lizwe exhaswa lilizwe laseRussia ukwakha umkhosi owadudula urhulumente wamabhulu.
Ilizwe laseNamibia laliphantsi koMzantsi Afrika ngelo xesha lokukhululwa kwalo nguNujoma kurhulumente wengcinezelo.
“Singakuqinisekisa ukuba ngenene owayesakuba nguMongameli welizwe laseNamibia, uSam Nujona ubhubhe kwisibhedlele saseWindhoek emva kokungaphili kwiiveki ezintathu ezigqithileyo eneminyaka engamashumi alithoba anesihlanu,” kucacisa uMongameli uNangolo Mbumba.
UNujoma udontse iminyaka engaphezu kweshumi kwisiqithi iRobben Island eKapa ngenxa yenxaxheba yakhe ekunye noNelson Mandela, Toivo ya Toivo kwakunye noRobert Sobukwe wePAC.
Ilizwe laseNamibia lifumene inkululeko ngenyanga yoKwindla ngonyaka ka1990 nekwathi kwanyusa amathemba nakumazwe ayesakhangela inkululeko afana noMzantsi Afrika.
Ngokukhokela kwakhe umbutho weSouth West Africa People's Organization (SWAPO), uNujoma wakwazi ukuqhawula amaqhina wengcinezelo kwela lizwe.
“Usifundise ekwasikhuthaze ukuba siqine, sisebenze nzima ukuze siqhubeke ukunika abantu baseNamibia inkululeko ebabethenjiswe ngayo,” kutsho uMbumba.
UNujoma ugudlene amagxalaba neezangxa ezifana noFidel Castro waseCuba, Nelson Mandela nezinye iinkokheli eziphambili zokulwela amalungelo abantu.