Iindaba

Abasasazi beendaba baseMpuma Koloni baqaqamba kumabonakude

Cwayita Nondula|Published

UPumza Sikumba oyitoliki yolwimi lwezandla eNewzroom Afrika. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Iinzalelwane zaseMpuma Koloni, uPumza Sikumba kunye noThabile Makapela ngabasasazi beendaba ababini abaqaqambileyo kwimisebenzi yabo. USikumba ugcina uluntu oluthetha ngezandla lusazi ngezinto ezenzeka kwihlabathi logama uMakapela esazisa uluntu ngemozulu.

USikumba yitoliki yezandla aze uMakapela abengumqikeleli wemozulu kwinkqubo yeNewzroom Afrika yeendaba zemihla ngemihla, Iindaba Zethu. Basabelana nathi ngamava abo nokuba ithetha ukuthini inyanga yamagugu namafa kubo.

UPumza Sikumba oyitoliki yolwimi lwezandla eNewzroom Afrika. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

PUMZA SIKUMBA

Le toliki yolwimi lwezandla iphuma kwilokishi yaseMdantsane eMonti, eMpuma Koloni. USikumba uthi wafunda ukuthetha ulwimi lwezandla ukuze athethe nodade wabo othetha ngezandla. Le nzalelwane yaseMdantsane iyazifela ngolwimi lwezandla kwaye icela urhulumente ukuba abonelele ngezixhobo zokuphuhlisa ulwimi lwezandla. Nalu udliwano ndlebe noSikumba.

Yinyanga yamagugu namafa, le nyanga ithetha ntoni kuwe?

Inyanga yamagugu ibalulekile kuba indenza ndiphinde ndiphonononge iingcambu zam, ndijonge ngenyameko kubume benkcubeko yam exutyiweyo. Indivumela ukuba ndiyamkele ngokupheleleyo inkcubeko yamaXhosa njengenkcubeko yam yokuqala kunye nenkcubeko yabathetha ngezandla njengenkcubeko yam yesibini. Ikwayinto ekhethekileyo ukuba ingqamane nenyanga yokwazisa abantu abangevayo ngeendlebe okanye abantu abathetha ngezandla.

Ukhulelephi? Kwaye leliphi igama ELINYE elichaza idolophu yakho?

Ndikhulele eMdantsane, ilokishi yesibini ngobukhulu eMzantsi Afrika. Igama elichaza ilokishi yam ithi “manqindi”. Zininzi iimbethi manqindi ezaziwayo, ngowona mdlalo uphambili eMdantsane. Ndicinga ukuba uMdantsane ukwabhaqe igqiyazana elibizwa ngokuba nguPumza Sikumba odlala indima yakhe encinci ekwenzeni izinto zenzeke kuluntu oluthetha ngezandla ngokutolika.

Uyitoliki yolwimi lwezandla, yintoni ekwenze ukuba ukhethe ngakumbi ukutolika ngesiXhosa?

IsiXhosa lulwimi lwam lweenkobe ngoko ke ukuba ngumntu othetha isiXhosa kakade yenza kwalula kum ukuba ndibe yitoliki yeendaba zesiXhosa eNewzroom Afrika. Ndiyakwazi ukuthetha ngezandla ngeelwimi ezininzi nto leyo endenza ndibe ngumtoliki okwaziyo ukuthetha ngezandla ngeelwimi ezahlukeneyo.

Omnye udadewethu omdala ngumntu othetha ngezandla yaye ndafunda ukuthetha ngezandla ukuze ndithethe naye.

Ndandidla ngokumazisa abantu bathini ngoku thetha naye ngezandla, nditolike nento ayitshoyo kubantu abangathethi ngezandla. Ixesha lonke ndingazi ukuba ngokwenene ndanditolika.

Ndiphuhlise isakhono sam sokutolika nditolikela udadewethu kwaye emva kokugqiba izifundo zam ndaye ndangena kwimigubasi yeKholeji yaseStandford eMonti apho ndanditolikela abafunda abathetha ngezandla. Ukubona aba bafundi bathetha ngezandla bephumelela yaye bethweswa izidanga kwandenza ndakuthanda ukutolika yaye andizange ndijonge ngasemva.

Yintoni onokuthi ngeyona nto inomvuzo ngomsebenzi wakho?

Ukukwazi ukunceda abanye abantu banxibelelane yeyona nto yanelisayo kum. Uhlala ufumana ithuba lokufunda izinto ezintsha, iinkcubeko ezahlukeneyo kunye neengqikelelo ezahlukeneyo.

Uya kwiindawo ezahlukeneyo ibe ngumabonakude, iiyunivesithi, iinkomfa, iinkundla njalo njalo. Sinako ukukhula nokwandisa isigama sethu. Siba ngumphulaphuli obalaseleyo kunye nomntu ocinga ngokugxekayo njengoko sihlalutya iingqiqo ngaphambi kokuba sizitolike.

Yeyiphi eyona nto uzingca ngayo kumsebenzi wakho ukuza kuthi ga ngoku?

Zininzi izinto endizingca ngazo, kodwa ndiza kubelana ngezimbini kuphela.

Nditolikele umngcwabo kaMama uWinnie Nomzamo Madikizela-Mandela. Njengesizwe siye saba nempazamo ngexesha lomngcwabo katata uNelson Mandela ngenxa yetoliki yolwimi lwezandla yobuxoki. Ngexesha lomngcwabo kamama sikwazile ukutolika kakuhle. Ndikwatolikele iWorld Federation for the Deaf eDurban ICC. Yayinkulu ke loo nto sasizitoliki ezisibhozo zolwimi lwezandla zoMzantsi Afrika. Sasimela ilizwe, lonto yayinkulu.

Yintoni oyibona njengo mceli-mngeni emsebenzini wakho?

Abantu abaninzi abayiqondi indima yetoliki yolwimi lwezandla okanye iSASL. Ngamanye amaxesha ndiye ndibuzwe imibuzo ndixakekile nditolika kwaye oku kubonisa ukuba abantu abazi ukuba iitoliki ziindlebe nelizwi labantu abathetha ngezandla kwaye ngoko abanakubandakanyeka ngaphaya kwendima yabo njengeetoliki.

Omnye umceli-mngeni ngowokuba abantu bacinga ukuba ulwimi lwezandla lunxulunyaniswe nolunye ulwimi oluthethwayo kungoko behlala bebuza ukuba ndithetha ngezandla ngesiXhosa okanye ngolunye ulwimi kwaye kufuneka ndibacacisele ukuba nditolika ngokwemigaqo yegrama yolwimi lwezandla.

Abanye bade bacele ukuba ndibafundise ukuthetha ngezandla, kufuneke ndibacacisele ngokuzolileyo ukuba ndiyitoliki nje yaye ngabantu abangevayo ngeendlebe abathetha ngezandla kuphela abanokufundisa intetho yezandla.

Njengetoliki yolwimi lwezandla, unokuthi yeyiphi eyona ngcamango iphosakeleyo abanayo abantu malunga nento oyenzayo?

Abantu bakwakholelwa ekubeni ukutolika kukutshintshanisa amagama kodwa kukho inkqubo athi ubani adlule kuyo phambi kokuba atolike ngolwimi lwezandla njengokufumana isigama esichanekileyo, iijagoni kunye neziyelelane kuloo meko ithile inokuba zisibhedlele, iinkundla, igumbi lokufundisa njalo njalo.

Abanye abantu bacinga ukuba bayakwazi ukuthetha ngezandla bangatolika, kodwa ndiyayazi njengomntu oyitoliki yolwimi lwezandla lwesiXhosa, umntu kufuneka abe sisithethi solwimi lwenkobe ukuze akwazi ukudlulisela umongo wolwimi lwenkobe.

Kubaluleke kangakanani ukuba neendaba ngesiXhosa?

Kubalulekile ukuba ulwimi ngalunye lusetyenziswe kuba ulwimi luyakhula xa lusetyenziswa. IsiXhosa lolunye lweelwimi zethu zesintu ezinembali yokucinezelwa.

Ngokusetyenziswa kakhulu isiXhosa, olu lwimi luya kuphuhla nenkcubeko yamaXhosa igcineke. Kubalulekile ukuba abantu bafumane iindaba ngolwimi abaluqondayo. Ukuba neendaba ngesiXhosa kuqinisekisa ukuma kwethu njengesizwe esineentetho neelwimi ezininzi kwaye sikwixesha elitsha apho iilwimi zesintu zinikwa indawo yazo ukuze ziphuhle.

Yintoni onokuthi kufuneka iphuculwe?

Kukho ukunqongophala okukhulu kweetoliki zolwimi lwezandla eMzantsi Afrika. Ekubeni ngoku ulwimi lwezandla ilulwimi olusemthethweni, kubalulekile ukuba urhulumente kunye nabo bonke abathathi-nxaxheba bahambe ngesantya esiphezulu ukuqinisekisa ukuba zikho izixhobo zoqeqesho nokukhuthaza ulwimi lwezandla, ngakumbi kuqeqesho lweetoliki zolwimi lwezandla.

Kubalulekile ukuba senze indawo engenabo ubunzima kubantu abangevayo ngeendlebe abathetha ngezandla ngokuqinisekisa ukuba yonke into iyafikeleleka ngentetho yezandla.

Sesiphi isicatshulwa osithandayo?

“Awunakuze uqonde ulwimi olunye de uqonde iilwimi ezimbini.”

Ungabacebisa njani abo banqwenela ukutolika ngolwimi lwezandla?

Iqala ngaphakathi, qhagamshela nabantu abathetha ngezandla ofuna ukubakhonza, yiba nomdla. Qonda inkcubeko yabangeva ngeendlebe kunye nendlela abazenza ngayo izinto. Ngalo lonke ixesha thobela iinqobo zokuziphatha zakho kunye nemithetho okanye isilungiselelo obekwe kuso ngalo mzuzu.

Khumbula ukuba uvala umsantsa. Kwenze ngenkuthalo. Khulisa isigama sakho kwaye ube nolwazi lweenkalo ezahlukeneyo onqwenela ukusebenza kuzo. Yiba ngumphulaphuli obalaseleyo, jonga kwaye uhlalutye ngaphambi kokuba utolike kwaye uyonwabele.

Kufuneka abatoliki batolike umyalezo ngokuchanekileyo, ngokuthembeka nangokungakhethi buso. Ngoko ke kubalulekile ukuzazi uze wamkele izabelo kuphela ukuba uqinisekile ukuba uyakwazi ukuzenza.

UThabile Makapela ongumqikeleli wemozulu eNewzroom Afrika. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

THABILE MAKAPELA

Ephuma kwilokishi yaseDongwe eKomani eMpuma Koloni, lo mbhexeshi wemozulu uthi ukufudukela ePitoli ukuze aqhubele phambili nezifundo yindlela obaqala ngayo ubomi bakhe kwisixeko segolide eGoli. UMakapela uthi kudala wayazi ukuba wadalelwa ukuba kwicandelo lezosasazo. Nalu udliwano ndlebe nalo msasazi wemozulu.

Yinyanga yamagugu namafa, le nyanga ithetha ntoni kuwe?

Inyanga yamagugu kum sisikhumbuzo esihle sokuba nokuba ubomi busiphucula kangakanani na kuhlala kukho indawo apho yonke into yaqala khona. Ngumbhiyozo wemvelaphi yethu nokubonisa ukuzingca kwethu ngoba ekugqibeleni ukwazi iingcambu zakho sisiseko sayo nayiphi na impumelelo.

Ukhulelephi? Kwaye leliphi igama ELINYE elichaza idolophu yakho?

Ndikhulele eDongwe, yilokishi yaseWhittlesea kwaye igama elinye lokuyichaza iyakuba ‘ngamandla’. Yonke into endiyiyo namhlanje kungenxa yendlela endikhule ngayo.

Yintoni ekwenze ukuba ukhethe eli khondo lomsebenzi?

Kudala ndazi ukuba ndadalelwa ukuba kwicandelo leendaba. Ndandingumntwana okhutheleyo, ndithanda ukuthetha esidlangalaleni yaye ndikuthanda ukumamela nokumanyelwa. Wazalwa ngaloo ndlela ke umdla wam.

Yeyiphi eyona nto uzingca ngayo kumsebenzi wakho ukuza kuthi ga ngoku?

Eyona nto ndizingca ngayo ukuza kuthi ga ngoku - zininzi kodwa andisoze ndilibale ukuba nodliwanondlebe nowayesakuba ngumongameli uMnumzana uJacob Zuma ngethuba ndandingumsasazi kwingqubo yeendaba zabantwana, iKids News, ndandisemtsha ngoko. Ndidibene nabantu abakhulu abavela kwiinkalo namashishini ohlukeneyo kwaye iyamangalisa lonto.

Yintoni oyibona njengo mceli-mngeni emsebenzini wakho?

Umceli mngeni malunga nomsebenzi wam kukuba kufuneka ugqibelele ngalo lonke ixesha nangosuku lwakho olubi kakhulu, akukho mini imbi kumabonakude.

Njengomqikeleli wemozulu, unokuthi yeyiphi eyona ngcamango iphosakeleyo abanayo abantu malunga nento oyenzayo?

Abantu basoloko belindele ukuba imozulu ichaneke ngokupheleleyo nokuba sigxininisa kangakanani na ukuba ezi ngqikelelo zenzeka njani.

Kubaluleke kangakanani ukuba neendaba ngesiXhosa? Kwaye yintoni ekufuneka iphuculwe?

IsiXhosa lulwimi oluhle olufuna ukukhuliswa. Ndihlala ndinombulelo kuba ndiye ndanomdla wokufunda ulwimi lwesiXhosa ukusukela ngeentsuku zasesikolweni kuba oko akwenzanga umsebenzi wam ndiwonwabele kuphela kodwa kubelula. Ulutsha kufuneka lwazi kwaye luqonde ukuba ukwazi nokuthetha kakuhle ulwimi lwenkobe yinto emnandi.

Sesiphi isicatshulwa osithandayo?

“Ukuba ungayiphupha ungayenza!”

Ungacebisa njani abo banqwenela ukuba ziintatheli?

Ayizukuba lula, iingcango ziya kuvalwa ebusweni bakho kodwa uthando kunye nephupha ziya kukugcina uqhubeke. Ndikholelwe xa ndisithi, uThixo akazukukusa apho ubabalo lwakhe lungayi kukugcina khona.

Abasasazi beendaba baseMpuma Koloni baqaqamba kumabonakude