uSanral uqalile ukwakha ngokutsha indlela esedolophini kwaBhaca kule veki.
Image: Sanral
Ukuphuculwa kweyona ndlela enkulu edolophini yakwaBhaca kuqaliwe ekuqaleni kwale veki. Oku kuvezwe yiArhente eyakha iindlela eMzantsi Afrika egama linguSanral kwiveki ephelileyo.
Umsebenzi wokwakhiwa kwendlela (uN2) ngokutsha kuza kuchaphazela iimoto ezinkulu nezincinci ezisuka kwiidolophu ezinkulu efana neThekwini, iKokstad nezisuka eMthatha, eGompo City, eGqeberha naseKapa.
Umsebenzi uza kwenziwa yinkampani ekuthiwa yiRumdel Construction ehleli isenza iindlela ezixabisa iR1.2-billion kwiidolophu eziphantsi koMzimvubu Local Municipality neNtabankulu Local Municipality.
Kwiveki ephelileyo, usomlomo kamasipala (Umzimvubu Local Municipality), uNdanele Mdzinwa, ukhokele intlanganiso ebiseholweni edolophini yakwaBhaca - apho kucaciselwe khona oosomashishini, oonoteksi nabantu bokuhlala ngolwakhiwo oluza kuphazamisa ukuhamba kweemoto iinyanga ezibalekayo.
Umasipala noSanral babone kufanelekile ukuba kwaziswe abantu ngoba ubomi babo abuzukuhamba ngendlela eqhelekileyo kude kugqitywe umsebenzi ekulindeleke ukuba uphungule ukuxinana kweemooto kwaBhaca.
"Ngenxa yokuphazamiseka kokuhamba kwabantu neemoto okuza kwenzeka, sithe masikhwebe intlanganiso ukuze sive izinto ezingayingxaki ebantwini abachaphazelekayo," utshilo uMdzinwa onguceba. Inkampani eyenza indlela iqinisekisile ukuba ziza kuvulwa iindlela ezingasetyenziswa ngabaqhubi beemoto abadlula edolophini.
Kulindele ukuba umsebenzi wokwakha indlela esedolophini ugqitywe kwiinyanga ezine ezizayo. Emva kokugqitywa kwayo, iimoto ziza kuhamba kakuhle futhi neendawoo zokumisa ziza kube zenziwe kakuhle.
Abaqhubi beemoto abasuka ngaseKokstad abaya ngaseMthatha bangaphepha ukulibaziseka kwabo ngokuphontsha ngendlela enguR56 eya eMatatiele ehamba iyokutsho kuR396 ongena kuTsolo okufutshane noN2.
Kanti othandayo angahamba ngeFlagstaff eLusikisiki eza kumlahla ezantsi eSajonisi aphinde imse eMthatha. USanral uthe uyacela abantu baziqwalasele iindlela ezingezinye ezicwezayo kwaBhaca. Umasipala ucele abaqhubi beemoto ukuba babe nomonde ngethuba lolwakhiwo lendlela.