Iindaba

Ufumana ululeko umfundi waseKing Sabata TVET College odlwengulweyo

Pedro Mapelo|Published

Kudlwengulwe intombazana eKing Sabata Dalindyebo TVET College, eMthatha, kwiveki ephelileyo.

Image: KSD College

Impathombi ejoliswe ebantwini abangamabhinqa iphinde yangundabamlonyeni emva kokuba kuvakele iindaba ezimbi zokudlwengulwa komfundi. NgoLwesihlanu odlulileyo, kuxelwe ukudlwengulwa komfundi oyintombazana oneminyaka elishumi elinethoba eKing Sabata Dalindyebo TVET College kwisebe eliseZimbane, eMthatha.

Ingxelo engaqinisekiswanga kumakhasi onxibelelwano ithi ixhoba lonzakaliswe ngamadoda amathathu lisuka kwindawo yentselo. Nangona bekuthiwe ngamadoda amathathu arhanelwayo - kodwa amaPolisa abambe indoda enye evele enkundleni ngoMvulo ekuqaleni kwale veki.

AmaPolisa abambe umrhanelwa emva komsindo ovakaliswe ngabantu abatsha abangamabhinqa kumakhasi onxibelelwano aquka uFacebook. Ukuxhatshazwa ngesondo koomama nabantwana yinto exakileyo eMzantsi Afrika nangona ekhona amatiletile enziwayo nguRhulumente ajoliswe ekunqandeni ulwaphulomthetho kwiindawo ezihlala abantu.

Umfundi esikhethe ukungambizi ngegama kuba kukhuselwa isidima sakhe kuthiwa udlwengulwe kwindawo ehlala abafundi ekuthiwa yiThe Fountain Four, eZimbane. Indoda enye emiswe emapulangeni kwinkundla kaMantyi, eMthatha, kuthiwe iza kubuyela kuyo kwkona ngomhla wethoba kwinyanga yoKwindla kwaye kulindeleke ukuba ifake isicelo sebheyile logama kusaphandwayo.

Abafundi baseKing Sabata TVET College bebephume ngobuninzi beyokuxhasa ixhoba enkundleni yaseMthatha. Othethele ikhaya uxelele iNewzroom Afrika ukuba ixhoba lisekhaya apho lifumana khon ululeko lenqondo nomphefumlo. "Ayisiphathanga kakuhle into eyenzekileyo. Ukusukela ngomhla wesehlo zange kube mnandi kuthi - kodwa ke siyazama ukomelela," sitshilo isithethi sekhaya.

"Sisamgcine ekhaya apho afumana khona inkonzo yoluleko lomphefumo eququzelelwe sisikolo sakhe. Uza kuhlala ekhaya okwethutyana ngoba akakakulungeli ukubuyela esikolweni. Siza kuthetha nesikolo sijonge indlela anokuncediswa ngayo kwicala lezifundo esekhaya," utshilo othethe neNewzroom Afrika.

Igosa laseKing Sabata TVET College liqinisekisile ukuba isehlo senzeke kwindawo ehlala abafundi engaphandle esikolweni, eyaziwayo sisikolo futhi baxelelwe okwenzekileyo. Bonke oonogada abebephangele ngomhla wesehlo banqunyanyisiwe ixesha elingachazwanga.