Iindaba

Izigidi zeerandi zokulwa isifo sochwane ezinkomeni zaseMpuma Koloni

Pedro Mapelo|Published

Lifikile ichiza ekuza kugonywa ngalo iinkomo ezihlaselwa sisifo sochwane eMzantsi Afrika.

Image: GCIS

Ziqalile iinzame ezilwa ukunwenwa kwesifo sochwane ezinkomeni eMzantsi Afrika. Ekuqaleni kwalo nyaka, kuqhambuke isifo sochwane esiye swanwenwela kumaphondo aliqela. Kwiiveki ezidlulileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa, uye wabhengeza ukuqhambuka kwesifo sochwane njengentlekele ngelinika uRhulumente omkhulu igunya lokukhupha izixhobo zokulwa isifo ngokukhawuleza.

Njengenye yeendawo ezinemfuyo eninzi, nayo iMpuma Koloni ichaphazeleke kakhulu. Yiyo lo nto uRhulumente wephondo egqibe kwelokuba ancedise ngokubinza ngemali nangona eyikhuphe sekonakele.

UMphathiswa weZimali, uMnu. Vuyo Mvoko, ukhuphe imali engxoweni yakhe nguvimba engamashumi amahlanu anesihlanu ezigidi zerandi (R55-million) eza kuthenga amachiza aza kunyanga imfuyo egulayo kuthintelwe nengekachaphazeleki.

UMvoko uthe kuye kwanyanzeleka ukuba uRhulumente wephondo athathe inyathelo ukuze kukhuselwe imfuyo yaseMpuma Koloni. "Isifo sochwane sibeka emngciphekweni ushishini lwamafama nobomi babantu. Asikwazi ukungangeneleli ngokukhawuleza nokuba uRhulumente uphantsi koxinizelelo kwicala lezimali," utshilo uMvoko.

UMphathiswa weZolimo kuzwelonke, uJohn Steenhuisen, wamkele isiqhuma sokuqala samachiza aza kulwa isifo sochwane esisuka eArgentina kwiveki ephelileyo. Ukufika kwesigidi samachiza sisigaba sokuqala sokunyangwa kweenkomo nokuthintelwa kwezinye ezingachaphazelekenga.

"Sigqibe kwelokuba sinyange ishumi elinesine lonke lezigidi zeenkomo ezikhoyo apha eMzantsi Afrika. Ezinye iziqhuma ziza kufika kwiinyanga ezizayo," utshilo uMongameli Ramaphosa ngethuba esenza intetho yokuvula iPalamente kwiiveki ezidlulileyo eKapa.

Idemesha eyenziwa sisifo sochwane ezinkomeni ayithetheki. Amafama akakwazi ukuthumela inyama neemveliso zenyama kwamanye amazwe. Lo nto ithi ichaphazele kakubi uqoqosho loMzantsi Afrika owenza imali ngokuthumela ngezinto ezifana nenyama yeenkomo phesheya kolwandle.

Xa kungathintelwanga ngokukhawuleza, amathole neenkomo ezingaqinanga ziyakwazi ukufa - kodwa yona inyama yazo ayinabo ubungozi ebantwini. Ukugoma iinkomo elizweni lonke luza kuthatha ixesha elide kakhulu ngenxa yobuninzi bazo.