Iindaba

'Kufanele silwe kude kuphele isizini' - utshilo uAbdeslam Ouaddou

Pedro Mapelo|Published

URelebohile Mofokeng emdlalweni weBetway Premiership obuphakathi kweOrlando Pirates neMamelodi Sundowns.

Image: Backpagepix

Izikhotha amanxeba i'Orlando Pirates emva kokuba ibethwe okokuqala emva kwexesha elide. Oku kwenzeke emva kokuba ibethwe yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obushushu eFNB Stadium ebusuku boLwesithathu wale veki.

Amagowuli amabini ancede iSundowns afakwe nguBrayan Leon oyingozi kakhulu. Kanti ezixolise ngalo iPirates lifakwe nguPatrick Maswanganyi kwisigaba sesibini somdlalo. Nangona ibethiwe iPirates - kodwa isahleli phezulu.

Acuthekile amanqaku ngoba ngoku ishiya iSundowns ngebathwana lamanqaku amathathu. Umqeqeshi wePirates uthe uyazingca ngomsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe emva kokuba bebethwe yiSundowns emdlalweni abangakwazanga ukusebenzisa amathuba kuwo kwisigaba sokuqala.

"Injalo ibhola ekhatywayo. Mxa wambi kuba ukuphoxeka - kodwa asinakuthokombisa iintloko zethu ngenxa yalo nto," utshilo uAbdeslam emva komdlalo obunawo amathuba okuphumelela kuwo omabini amaqela.

"Kufanele sizingce ngomsebenzi owenziwe ngabadlali kwezi nyanga zintathu okanye ezine ezidlulileyo. Sisaqhubela phambili nohambo ngoba sisenemidlalo emininzi esiseza kuyidlala. Kufanele sihlale Sinethemba ngoba sinomdlalo weNedbank Cup ozayo.

"Nakwiveki ezayo sinomnye umdlalo obalulekileyo. Mninzi umsebenzi esiza kuwenza. Zininzi izinto ezothusayo ebholeni ekhatywayo, kuza kubaluleka ukuba silwe kude kuphele isizini. Kufuneka sizinithembe," utshilo uOuaddou.