UMfundisi Jesse Jackson, owaziwa ngokuchasa ubuhlanga nokulwela amalungelo abantu, uswelekile kule veki.
Image: SA Presidency
Ihlabathi lithiwe wambu lilifu elimnyama emva kokuvakala kwesithonga sokukhothama kukaMfundisi uJesse Jackson waseMelika (USA). Eli joni lamalungelo oluntu lihambe emhlabeni linamashumi amasibhozo anesine (84) emva kwengulo ende eyalikhonkxa amalungu omzimba awakwazi ukusebenza ngendlela eqhelekileyo.
Iinkokeli zopolitiko eMelika eziquka uDonald Trump noBarack Obama zivakalise ukukhathazeka kwazo emva kokuva ngokusweleka kukaMfundisi wakwaJackson olwele abantu abamnyama eMelika nakwamanye amazwe. UMongameli uCyril Ramaphosa ngomnye weenkokeli zehlabathi ezithe zathumela amazwi ovelwano kusapho lakwaJackson.
"Egameni labantu baseMzantsi Afrika, ndidlulisa amazwi entuthuzelo kusapho lakwaJackson, kwiRainbow PUSH Coalition nakweminye imibutho yamalungelo oluntu eMelika," utshilo uRamaphosa kwingxelo ebhaliweyo emva kwemini ngoLwesibini kule veki.
UMfundisi uJackson ebengumntu onendawo ebalulekileyo kwimbali yoMzantsi Afrika ngoba wenza nendima ebonakalayo ngethuba lenggcinezelo. Wayesazana kakhulu neenkokeli zeAfrican National Congress eziquka uRholihlahla Mandela no-Oliver Tambo.
Ngonyaka ka2013, wawongwa ngewonga elikhulu nguRhulumente ngenxa yomsebenzi omkhulu owawenzayo wokuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika ufumana inkululeko enxanyelwe ngabaninzi ngoku. Ebekuchasile kakhulu ubuhlanga nokungalinganiswa kwabantu ngenxa yebala labo.
"Kusidakumbisa kakhulu ukusweleka komntu owanika amandla umzabalazo eseMelika ukuze abantu bakwazi ukufumana inkululeko kwihlabathi lonke. Njengomntu owafumana imfundiso kwiziswenye ezifana noMartin Luther King Jr ekukhuleni, uJesse Jackson wazinikela ekulweleni ubulungisa kwiindawo zonke zehlabathi," utshilo uMongameli Ramaphosa.
UJackson ngomnye wabantu abaxhasa umlo owawujoliswe ebantwini abamhlophe ababecinezela abantu abamnyama kumazwe aquka iNigeria, Angola, eBotswana, eCongo, eMozambique, eTanzania, eZambia naseZimbabwe.
Wakhokela iphulo lokwenziwa koMzantsi Afrika ikheswa kwezoqoqosho ngeentsuku zobandlululo ngempumelelo esebenzisa ibandla lakhe eMelika. "Ulenze indawo ebhetele ihlabathi futhi nathi usinike amandla okulwela ubulungisa nokungalingani kwabantu kwihlabathi lonke. Yanga umoya wakho ungaphumla ngoxolo," utshilo uRamaphosa.