Inkokeli yephondo leMpuma Koloni, uLubabalo Mabuyane, ivakalise ukudana kukulahleka kwemisebenzii okuxeliweyo kule veki.
Image: OP
Noxa uqoqosho lukwazile ukukhula kunyaka ka2025 eMzantsi Afrika - kodwa kusenzima kakhulu kwiphondo leMpuma Koloni. Oku kubonakele kwiinkcukachamanani ezikhutshwe nguMnu. Risenga Maluleke emalanga ngoLwesibini wale veki.
IMpuma Koloni ilahlekelwe yimisebenzi engaphezulu kwamashumi amathathu anesibini amawaka (32 000) kwikota yokugqibela yonyaka ka2025. Kuyothusa ngakumbi oku ngoba iinyanga zokugqibela enyakeni zezona ezidla ngokuvelisa imisebenzi emininzi ngenxa yokuxakeka kwezoshishino eMzantsi Afrika.
Ziindaba ezimbi kakhulu ezi ebantwini baseMpuma Koloni uninzi lwabo oluxhomekeke kwizibonelelo zikaRhulumente ezifana nenkamnkam. Ukuphela kwemisebenzi eyi32 000 kwiinyanga ezidlulileyo kuthethe ukuthi iMpuma Koloni iyodwa ilahlekelwe yimisebenzi eyi79 000 kunyaka ophelileyo (2025) uwodwa.
Ngaphezulu koku, kusekho ukungacaci kwekamva leenkampani zemoto ezifana noVolkswagen noMercedes-Benz abangasakwazi ukusebenza kakuhle ngenxa kachatha ka30% werhafu kwiimoto zaseMzantsi Afrika ezingena eMelika (USA) owenza kungabikho ngeniso.
Iinkcukacha ezikhutshwe kule veki zibonisa ukuba abantu abangasebenziyo eMpuma Koloni bahleli kumyinge ka42.5%. Ngokwezibalo, abantu abatsha (15-34 yeminyaka) abakhangela umsebenzi banyuke bakumyinge oyi43.8% ngoku.
Inkokeli yephondo, uMnu. Lubabalo Mabuyane, ivakalise ukuxhalaba okukhulu emva kokupapashwa kweenkcukacha zemisebenzi. "Ukungabikho kwemisebenzi yeyona ngxaki ephambili entlalweni yoluntu. Ingxelo iqaqambisa ukucinezeleka koqoqosho lephondo," utshilo uMabuyane.
"Isekhona imiqobo ekudaleni imisebenzi, ngakumbi kwiindawo ezisezilalini. Sikhuthazwa luhlumo kwamanye amacandelo oqoqosho aquka ezolimo neenkqubo eziphantsi kukaRhulumente," utshilo uMabuyane, owongeze ngelithi bazimisele ukwakha uqoqosho oluza kuvelisa imisebenzi ebandakanya wonke umntu.
Amaphondo avelise imisebenzi emininzi yiNtshona Koloni, iMntla Koloni, iMntla Ntshona neMpumalanga. IMpuma Koloni, iKwaZulu-Natal neGauteng zilahlekelwe yeyona misebenzi emininzi eMzantsi Afrika.