UMphathi weKSD Municipality, uNgamela Pakade noSodolophu uNyaniso Nelani, entlanganisweni ebibanjelwe eGompo kwiveki ephelileyo.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Umasipala wasekuhlaleni, iKing Sabata Dalindyebo Municipality, uzimisele ukulincothula neengcambu ulwaphulomthetho kwiidolophu ezimbini. Oku kuvezwe nguMnu. Ngamela Pakade ongumphathi kamasipala kwintlanganiso yocweyo ebibanjelwe eGompo - apho kuqulunqwe inkqubo eza kulandelwa kulo nyaka omtsha.
USodolophu, uMnu. Nyaniso Melani nomphathi kamasipala, baxelele I'solezwe lesiXhosa ukuba phakathi kwezinto ibhunga leKSD Minicipality elazipasisayo ngumgaqonkqubo ogunyazisa ukuqiniswa konyanzelisomthetho eMthatha naseMqanduli.
Ziikhamera ezingaphezulu kwekhulu eziza kufakwa ezitalatweni zaseMthatha ukuze kubanjwe abantu abakhuthuza abantu, abaqhuba kakubi nezinye izinto. "Sizimisele ukulincothula neengcambu ulwaphulomthetho kwiidolophu zethu," utshilo uPakade.
"Nokuba lenziwa ngamaphara, abaqhubi beemoto okanye abantu abakhuthuzayo - sifuna ukuzinqanda izinto abazenzayo. Sinqanda ulwaphulomthetho ngoba sifuna ukuba ngumasipala osebenza kakuhle sizotsho sikwazi ukutsala oosomashishini abanokutyala imali kwiidolophi zethu.
"Ngumsebenzi wethu ukuqinisa iziseko zeedolophu zethu ngokucutha ukumoshwa kwazo. Kukho abantu abatshisa izinto zikamasipala ezifana neendawo zombane esingazi nokuba baqhutywa yintoni. Ngoba iikhamera ziza kusebenza imini nobusuku, siza kubabona.
"Idolophu enezibale neerobhitsi ezingasebenziyo ibonisa ukungasebenzi kakuhle kukamasipala. Abantu abamoshayo basenzela ingxaki ngoba badoncula iirobhotsi zethu singazi ukuba kutheni. Kukho abantu abaziintshaba zophuhliso abasityela imali eninzi," utshilo umphathi kamasipala.
UPakade uthe iinzame zikamasipala, ebambisene namaPolisa (SAPS), zenze umahluko ngoba ngoku kunqabile nokuva kusithiwa kukho abakhenkethi abaxhonyisiweyo eMthatha naseMqanduli. "Yayikhona into ethi abakhenkethi mabahambele kude eMthatha ngenxa yolwaphulomthetho. Ayisekho lo nto ngoku.
"Sizimisele ukuqinisekisa ukuba abakhenkethi bayaya eHole in Hall (eseMqanduli) nakwezinye iindawo abazithandayo," utshilo umphathi ophinde waqinisekisa ukuba umsebenzi wokufakwa kweekhamera uza kuqala ingaphelanga le nyanga. Iikhamera ezibamba iimoto ezibaleka ngesantya esingaphezulu komlinganiselo zinethuba zisebenza kumacala amabini edolophu yaseMthatha.