Inkokeli ye-EFF uJulius Malema utyhola uMongameli Cyril Ramaphosa ngokusebenzisa iSONA ukugaya ivoti zeqela lakhe lezopolitiko.
Image: EFF
Inkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF), uJulius Malema, utyhole uMongameli uCyril Ramaphosa ngokusebenzisa intetho yobume besizwe (SONA) ukugaya ivoti zeAfrican National Congress (ANC).
UMongameli Ramaphosa wenze intetho ebilindelwe ngamehlo abomvu ngoLwesine ngokuhlwa kwiholo yesixeko saseKapa. Phakathi kwezinto athethe ngazo, kukuthumela amajoni ukuba ayokunceda amapolisa ukulwa nobundlobongela bamaqela emigulukudu kumaphondo afana neNtshona Koloni, izicwangciso qhinga eziphambili kuRhulumente wobumbano (iGNU), iiprojekthi zeziseko zophuhliso nomonakalo weziseko kunye nemiba yabemi bamazwe angaphandle, ukubala ezimbalwa.
Emva kwentetho, uMalema ethetha nentatheli, unike izimvo zakhe ngale ntetho.
Uthe uMongameli uyoyika ukuvuma ukuba balahlekelwe yintembelo kwinkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika. "Siyavuya ukuba umkhosi uyeza ukuza kubuyisela umthetho nocwangco. Izinto athetha ngazo, kudala ezithetha kodwa namhlanje umahluko kukuba uzithetha ngamandla."
Ukwagxeke ukusekwa kwamaqela okujongana nemiba ethile waza wathi oku kubonisa ukusilela ekuphumezeni uxanduva. "Kungqina ukuba akanawo amandla afunekayo kwiGNU okujongana nemiba afuna ukuyisingatha.
"Silapha kwakhona simamele indoda ezama ukusebenzisa iqonga likarhulumente ngonyaka wonyulo ukuqalisa iphulo lokugaya ivoti esenzela iqela lakhe lezopolitiko," utshilo uMalema.
Uthi bekufanele ukuba baxelelwe izinto ezifana nokuba izinto zihamba njani ngeYunivesithi yaseKurhuleni eyayithenjiswe ukuba iza kusungulwa kunye nokudalwa kwemisebenzi.
"Yimisebenzi emingaphi edaliweyo? Kwaye iphi loo misebenzi? Ukuze abantu bakwazi ukuqinisekisa ngokwabo ezo zinto athetha ngazo.
"Ezi projekthi zophuhliso lweziseko athetha ngazo, ziphi? Intswelangqesho eMzantsi Afrika iphezulu kakhulu kubantu abatsha kwaye akakwazi ukuzingca ngokuba uza kubanika imali kuba wayebanike imali ngexesha leKhorona," utshilo.