Iindaba

Ramaphosa: 'Impathombi ngakubantu bamazwe angaphandle ayizukunyamezelwa'

Cwayita Nondula|Published

UMongameli uCyril Ramaphosa uthi ukuphathwa kakubi kwabemi bamazwe angaphandle ayizukunyamezelwa.

Image: GCIS

UMongameli uCyril Ramaphosa ngexesha lentetho yobume besizwe (SONA) ugxininise ukuba ubundlobongela nezinye izenzo zolwaphulomthetho ezijoliswe kubemi bamazwe angaphandle azizukunyamezelwa.

Oku kuza emva kwamaphulo awohlukeneyo emibutho efana neOperation Dudula neMarch and March, ukubala embalwa, awajolise kubemi bamazwe angaphandle. Njengokuphazamisa ukufikelela kwabemi bamazwe angaphandle kwiinkonzo zempilo noqhankqalazo ezikolweni ukuqinisekisa ukuba abafundi baseMzantsi Afrika bakhethwa kuqala xakuthathwa abantwana ezikolweni.

UMongameli uRamaphosa ukwakhankanye nokuba ukufudukela kweli loMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni kubeka emngciphekweni ukhuseleko, uzinzo nenkqubela phambili kwezoqoqosho.

"Siza kuyisombulula le ngxaki ngelixa siqinisekisa ukuba amalungelo angundoqo abo bonke abantu kweli lizwe ayagcinwa futhi ayakhuselwa," utshilo.

Ukwathe kulo nyaka baza kuthatha amanyathelo ongezelelweyo okukhusela imida yoMzantsi Afrika. "Inkxasomali yokuqinisa ukhuseleko lwemida iya kuba phambili, iquka imali yeziseko zophuhliso, ubuchwepheshe nabantu.

"Imida ephambili iya kuhlaziywa ngokusebenzisa ubudlelwane bukarhulumente nobabucala kwaye iya kwandisa isigunyazisi se-Electronic Travel Authorisation kuzo zonke izikhululo zeenqwelomoya zamazwe ngamazwe neendawo zokungena ezixakekileyo," utshilo ngexesha lentetho yakhe. 

Uthe sele besebenzisa iidrone nobuchwepheshe ukwenza umsebenzi ongcono kulo lonke umda.

"Amapolisa, iSebe lezeKhaya nabahloli bezabasebenzi baza kusebenzisana ukulwa nokwaphulwa kwemithetho ekhoyo yokufuduka kweli, eyabasebenzi neminye imithetho."

URamaphosa utyityimbisele umnwe abaqeshi abaqesha abantu basemzini ngokungekho mthethweni. "Abaqeshi abaqesha abemi bamazwe angaphandle ngaphandle kweeVisa ezifunekayo baya kujongana nengalo yomthetho," utshilo uRamaphosa. 

Uthe ukuphatha kakubi abemi bamazwe angaphandle akuzukunyamezelwa.

"Akukho mntu wasemzini ofanele angavunyelwa ngokungekho mthethweni ukungena kumaziko karhulumente, kuquka izikolo namaziko ezempilo," utshilo.

Kutshanje, umbutho woluntu, uMarch and March uhlabe ikhwelo kurhulumente ukuba abhengeze imeko yongxamiseko ngenxa yenani eliphezulu lokufudukela kwabantu ngokungekho mthethweni kweli lizwe.

Lo mbutho uvakalise inkxalabo malunga nokungena koozamazama kwiindawo ezahlukeneyo zoluntu futhi nokubeka ubomi babahlali emngciphekweni.

Kwinyanga ephelileyo, abahlali abamalunga namakhulu amahlanu abahlala kumatyotyombe aseSporong eKagiso, eGoli, bashiye amakhaya abo emva kokugrogriswa ngabasebenzi bemigodi abangekho mthethweni abaziwa ngokuba ngoozamazama.

URamaphosa uthe uza kuthumela amajoni ukunceda amapolisa eGauteng ukulwa noozamazama kunye naseNtshona Koloni ukunceda kubundlobongela bamaqela emigulukudu.