Iindaba

Kubanjwe abane ngokwenza nokuthengisa utywala bomgunyathi eGcuwa

Cwayita Nondula|Published

Abarhanelwa abane, kuquka nepolisa, babanjwe eGcuwa ngokwenza, ukusasaza nokuthengisa utywala bomgunyathi.

Image: PnP

Amapolisa aseMpuma Koloni abambe abarhanelwa abane kuquka nosajini wamapolisa eNqamakwe, eGcuwa, ngokwenza nokusasaza utywala bomgunyathi obufana neGordon's Gin neOld Buck nabawuthengisa ngamaxabiso aphantsi.

Aba barhanelwa abaneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesithoba (29) namashumi amathandathu ananye (61) babanjwe ngexesha lephulo lobuntlola elaqhutywa ngomhla we11 kweyoMdumba 2026 eNqamakwe, eGcuwa, nakwilokishi yaseMsobomvu.

Ngokwengxelo yamapolisa, la maphulo alandela ulwazi olufunyenwe ngomhla wesibhozo kweyoMdumba 2026, malunga nabantu abatyholwa ngokwenza nokusasaza utywala bomgunyathi bohlobo lweGordon’s Gin neOld Buck Gin, obabuthengiswa ngamaxabiso aphantsi.

"ENqamakwe, iphulo elenziwe yiButterworth Visible Policing, iMthatha DPCI nabanini beenkampani likhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa ababini abaneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) namashumi amane (40)," itshilo ingxelo yamapolisa.

Phakathi kwabo babanjiweyo kukho isajini yamapolisa esebenza kwisikhululo samapolisa sasekuhlaleni.

Izinto ezithathiweyo ziquka iibhokisi zeOld Buck Gin, iinkhonteyina zeelitha ezingamashumi amabini anesihlanu ezizaliswe ziikhemikhali ezingaziwayo, izitikha zomgunyathi ezingaphezu kwe1300, iibhotile ezininzi ezingenanto, iipakethe zekhadibhodi, nemixube yotywala. Ixabiso eliqikelelweyo leempahla ezithinjiweyo yiR250 000.

"EGcuwa, iphulo eliqhutywe yiMthatha DPCI, iDutywa Visible Policing, kunye nabameli benkampani bakhangela izakhiwo eQolora Close, e-Extension 7.

"Abarhanelwa ababini, abaneminyaka engamashumi amabini anesithoba (29) namashumi amathathu anesithathu (33) ubudala, babanjwe ngenxa yokwenza utywala bomgunyathi. Amapolisa athimbe iibhotile ezingaphezu kwekhulu (175) zeGordon’s Dry Gin ze750ml, iibhotile ezilithoba ze750ml zeOld Buck Gin, iikhonteyina ezihlanu zeelitha ezingamashumi amabini anesihlanu (25L) zeOld Buck Gin, imipu yeglu, iifatyi, iibhotile ezingenanto, iintloko zocika zeGin, kunye nezinye izixhobo zokudidiyela. Ixabiso eliqikelelweyo leempahla ezithinjiweyo yiR100 000."

Amapolisa athi kwilokishi yaseMsobomvu, umrhanelwa (61) ubanjwe emva kokufunyanwa namakheyisi amaninzi eRussian Bear Vodka, iGordon’s Gin neOld Buck Gin, kunye neekhonteyina ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu eelitha (250L) ezinezinto ezingamanzi, iintloko zeebhotile, kwakunye neekhonteyina ezingamashumi amabini anesihlanu eelitha (25L) ezinento engamanzi. Ixabiso eliqikelelweyo lezinto ezithinjiweyo yiR90 000.

Bonke abarhanelwa bajongene namatyala anxulumene nokwenziwa nokuba notywala bomgunyathi. Uphando olongezelelweyo luyaqhubeka.